YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASEKORINTE 7

7
1Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.
Uvuyo lukaPawulos
2Nize nihlale nindikhumbula. Andonanga mntu, ndingenzakalisanga bani kuni, akukho nabani ndamqhathayo. 3Anditsho kuba ndifuna kunibeka bala nganto. Senditshilo kakade ukuthi nina nisenyongweni kum – mna nani sofa kunye. 4Ndinithembe gqitha, yaye ndinebhongo ngani, kangangokuba kubo bonke ubunzima endinabo ndisuka ndizive ndisomelezeka, ndiphuphuma luvuyo.
5Andizange ndaba nakuphumla konke-konke, naxa sendifikile eMakedoni. Kwakuziingxabano apho, ngapha nangapha; ndabe ke mna ndinxunguphele. 6Kodwa, uThixo obomelezayo abadakumbileyo, wandivuselela ngokufika kukaTito. 7Akubanga kukufika kwakhe nje kodwa, koko nengxelo yakhe ngokumphatha kakuhle kwenu nimkhuthaza, nayo yandivuselela. Wandixelela nokuba anisanqweni ngako ukundibona, nokuba nilusizi, nifuna nokundilwela. Ndonwabe ngakumbi ke ngaloo nto.
8Xa ndinixelela inyaniso, nokokuba laa ncwadi ndanibhalela yona yanenza buhlungu, andisevi kakubi mna yiloo nto ngoku. Kaloku ndiphawule ukuba naba buhlungu yiyo, nokuba kokwexeshana nje. 9Kodwa ndiyavuya ngoku – phofu ingekuko kuba ndanivisa ubuhlungu, koko ikukuba intlungu yenu yanibangela inguquko. Intlungu yenu ibe yinto esuke yasetyenziswa nguThixo; ngoko ke andinenzakalisanga. 10Kaloku ithi intlungu yakusetyenziswa nguThixo, izise inguquko esa ekusindisweni; akukho kuzisola ke ngoko. Kodwa intlungu yasehlabathini yona ibanga ukufa.
11Khanibone into anenzele yona uThixo ngentlungu yenu: nitsho nanenyameko, nafuna nokuzihlamba ibala lesityholo, nakhathazeka, nanomothuko, nalangazelela nokundibona, natshiseka, nakuqonda nokohlwaya isono. Nibonakalise ngeendlela zonke ukuba aninabala kulo mbandela.
12Naxa ke ndayibhalayo incwadi leyo kwakungengakuba ndandiyibhala ngenxa kabani owonileyo okanye ubani owoniweyo. Injongo yam ekuyibhaleni yayikukuba ndinibonise mhlophe phambi koThixo indlela enizikhathaza ngayo ngam. 13Indivuselele kanobom ke loo nto.
Andivuselelekanga nje kuphela, koko ndivuyiswa nangakumbi yindlela enanimphethe ngayo uTito xa ninonke, nimenza onwabe. 14Ndakha ndamqhayisela ngani, nani ke anindiphoxanga. Bendisoloko ndithetha inyaniso kuni ngawo onke amaxesha, ngokunjalo ke nokuqhayisa kwam kuTito akubanga bubuxoki. 15Naye uya enithanda ngakumbi, ebangwa ziinkumbulo zokumthobela kwenu, nimphethe kakuhle ngembeko noloyiko. 16Ndonwabe kwaphela kuba ndinebhongo lokuba ndinganithemba ngokupheleleyo.

Currently Selected:

2 KWABASEKORINTE 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy