YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASEKORINTE 6

6
1Ngoko ke njengabo basebenzisana noThixo siyanibongoza ukuba ningathi kanti ubabalo lukaThixo nilwamkelele ilize. 2Kaloku uthi uThixo:
“Ndasabela ngomhla okholekileyo,
ndakunceda ngomhla wokusindiswa kwakho.”
Khangela ke, nguwo lo umhla okholekileyo, yiyo le imini yokusindiswa!
3Ukuze umsebenzi wethu ungabekwa bala, siyaziphepha izinto ezinokukhubekisa nabani na. 4Ewe, kuyo yonke imicimbi siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo, ngokunyamezela sisezinkathazweni – sisezimbandezelweni nasebunzimeni asityhafi: 5noba siyabethwa, nditsho sesifakwa ezintolongweni, noba siphakathi kwezidubedube, nditsho sesisetyenziswa ngaphezu kwamandla ethu, naxa singalali okanye singatyi. 6Siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo ngobunyulu, ngamava, ngokuza kade komsindo, nangobubele; ngamandla kaMoya oyiNgcwele, nangothando olungazenzisiyo; 7ngokushumayela inyaniso, nangamandla kaThixo. Isikrweqe sethu bubulungisa; ngaso siyahlasela, sihlanganise futhi. 8Singabanesidima, singabalihlazo; siyathukwa, siyanconywa futhi. Siphathwa njengamaxoki, nakuba sithetha inyaniso; 9ngathi asaziwa, ukanti saziwa ngabo bonke; ngathi sifile, kanti siphilile. Nangona sisohlwaywa, asibulawa noko; 10nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.
11Zihlobo zaseKorinte, sithethe ngokucacileyo nani, sizityand' igila kuni. 12Ngakwelethu icala asinifihlelanga nto, koko nini abasahleli eqokobheni. 13Ngoku ke ndithetha njengoyise kubantwana: Nani linganisani mna, nizityand' igila kum!
Isilumkiso ngefuthe labahedeni
14Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama? 15Unabudlelane buni uKrestu nomtyholi? Linabudlelane buni ikholwa nomntu ongakholwayo? 16Inabudlelane buni na indlu kaThixo nezithixo zeentlanga? Kaloku thina siyindlu kaThixo ophilayo! Kutsho uThixo ngokwakhe ukuthi:
“Ndiya kulenza kubantu bam ikhaya lam,
ndihlale phakathi kwabo,
ndibe nguThixo wabo,
babe ngabantu bam ke bona.”
17Ngokunjalo iNkosi ithi:
“ ‘Phumani phakathi kwabo,
nahlukane nabo.
Musani ukuyichukumisa into engcolileyo.
Mna ndiya kunamkela.
18Ndoba nguyihlo,
nina nibe ngoonyana neentombi zam,’
itsho iNkosi uSomandla.”

Currently Selected:

2 KWABASEKORINTE 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy