YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASEKORINTE 5

5
1Siyazi kaloku ukuba xa ithe yachithwa le ndlu yalapha emhlabeni, sinesakhiwo asilungiselele sona uThixo, esisezulwini, esiya kuhlala sihleli. 2Kule meko siyancwina, silangazelela ukungena kweso sakhiwo sethu sisezulwini. 3Ukuba singene kuso ke, asinakuyidinga indawo yokuhlala. 4Okwangoku sisekule ndlu yasemhlabeni siyancwina, siziva sicinezelekile. Asikuko ke nokuba asisayifuni le ndlu yethu yasemhlabeni, koko kukuba silangazelela ukungena kweso sakhiwo sethu sisezulwini, ukuze oko kufayo kuginywe bubomi. 5NguThixo ngokwakhe osilungiselela le nguqulelo; nguye osinike uMoya oyiNgcwele osisiqinisekiso sazo zonke izinto asilungiselele zona.
6Ngoko ke sihlala sinethemba. Kaloku siyazi ukuba xa sisekulo mzimba, sikude nelo khaya liseNkosini. 7Kuba siphila ngokukholwa, kungekuko ngezinto esizibonayo. 8Asithandabuzi, ngoko ke sinolangazelelo lokuwushiya lo mzimba, siye kuhlala neNkosi. 9Ngaphezu kwezinto zonke ke ibhongo lethu kukuba sithi noba sikweli ikhaya, okanye sikwelo sililangazelelayo, sihlale samkelekile kuyo. 10Kuba sonke kufuneka sivele phambi koKrestu, asivavanye. Umntu ngamnye uya kufumana loo nto imfaneleyo, nokuba yentle, nokuba yembi, ngokwendlela ebeziphethe ngayo kulo mzimba.
Ubuhlobo noThixo ngoKrestu
11Ngenxa yokuba siyithobela iNkosi, sizama ukuzuza abantu. UThixo uyasiqonda ngokupheleleyo, ibe ke nani ndiyathemba ukuba nathi nisiqonda ngokupheleleyo. 12Ngale ndlela ke asizami kuzithandekisa kuni, nto nje sinenzela indlela yokuba nikwazi ukuba neqhayiya ngathi, ukuze nikwazi ukubaphendula abo baqhayisa ngembonakalo endaweni yokuqhayisa ngesimilo. 13Ukuba asibhadlanga, kungenxa kaThixo. Kanti ukuba sibhadlile, kungenxa yenu. 14Kaloku uthando lukaKrestu lusongamele. Ngoko ke sigqiba kwelithi xa kwafa umntu omnye, efela abantu bonke, lonke uluntu lunenxaxheba koko kufa kwakhe. 15Wafela abantu bonke, ukuze abo basaphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena wafayo wavuka ngenxa yabo.
16Ngoko ke asisagwebi mntu ngomgangatho wehlabathi. Noba singade sibe sakha samthatha ngolo hlobo uKrestu, asisayenzi loo nto ngoku. 17Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha. 18Wonke lo msebenzi wenziwa nguThixo. Nguye othe ngoYesu Krestu wasixolelanisa naye ngokwakhe, wasinika umsebenzi wokuxolelanisa. 19Kaloku ngoKrestu uThixo wayelixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engasababeki tyala abantu ngezono zabo, waza wasiphathisa umsebenzi woxolelaniso. 20Ngoko ke sizizigidimi zikaKrestu ngokungathi uThixo unibongoza ngathi. Ngenxa kaKrestu siyanicenga, yibani noxolo noThixo! 21Nangona wayengenasono uKrestu, kodwa ngenxa yethu, uThixo wamenza wanenxaxheba kwisono sethu, ukuze thina sithi ngokumanywa naye sibe nenxaxheba ebulungiseni bukaThixo.

Currently Selected:

2 KWABASEKORINTE 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy