YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASEKORINTE 4

4
Ubutyebi ezityeni zodongwe
1Ngoko ke uThixo ngenceba yakhe usinike ubizo lokumsebenzela; yiyo loo nto ke singethi mandla. 2Ngapha koko sisuka siyilahle imikhwa elihlazo, sibutyeshele ubuqhetseba, nelizwi likaThixo singaligqwethi. Koko sisuka siziyaleze ngokuthetha inyaniso, singafihlisi, kumntu wonke onesazela. Senjenjalo ke phambi koThixo. 3Kaloku ukuba iindaba ezimnandi esizishumayelayo azicacanga, koba azicacanga kuphela kwabo baya kwantshabalalo. 4Bona àbakholwa kaloku, kuba ingqiqo yabo yenziwe mfiliba sisigqubuthelo abasifakwe ngulo uzenza uthixo weli phakade. Silisithile kaloku esi sigqubuthelo ilitha lokukhanya kweendaba ezimnandi ezivakalisa isidima sikaKrestu, ongumceph' ucandiwe noThixo. 5Kakade asishumayeli thina ziqu; sishumayela ukuba uKrestu yiNkosi; thina ke sizizicaka zenu ngenxa yakhe. 6UThixo owathi: “Makuvele ukukhanya ebumnyameni,” usekwanguye okhanyisela iingqondo zethu, etyhila ukwaziwa kobume bakhe obubonakala kuKrestu siqu.
7Kambe ke obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze kucace ukuba amandla ancamisayo ngakaThixo, akangowethu. 8Ke, sithi sisezimbandezelweni zingasixini noko; sithingaze maxa wambi, kodwa singancami; 9singqingwe ziintshaba, kodwa asize singabi namhlobo; sintlithwa kanobom, singafi noko. 10Lonke ixesha sisoloko sithwele ukufa kukaYesu, ukuze ubomi bakhe bubonakale kuthi ziqu. 11Ewe, ngalo lonke ixesha sisoloko sisesichengeni sokufa ngenxa kaYesu, khon' ukuze ukudla kwakhe ubomi kubonakale ngathi bantu bafayo. 12Ngoko ke, kuthi kusebenza ukufa, kodwa kuni kusebenza ubomi.
13*IziBhalo zithi: “Ndathetha kuba ndandithembele kuThixo.” Nathi ke kwangaloo ndlela, sithetha kuba sithembele kuThixo. 14Kaloku siyazi ukuba uThixo owayivusayo iNkosi uYesu ekufeni, nathi uya kusivusa kunye noYesu, asise apho akhoyo, kunye nani. 15Ewe, zilungiselelwe nina zonke ezi zinto, ukuze kuthi njengoko bebaninzi abenzelwa isisa, ngokunjalo nemibulelo ibe mininzi, kudunyiswa uThixo.
Ukuhlala ngokholo
16Kungenxa yale nto ke singethi mandla nje. Kaloku imo yethu entsha isuka ihlaziyeke ngokuhlaziyeka, nokuba imo yethu endala yona iya isonakala ngokonakala. 17Ewe, ezi mbandezelo zexeshana, zincinane zinjalo, zisilungiselela iwonga laphakade, elingenakulinganiswa nazo. 18Ngoko ke asilangazeleli zinto zibonwayo, silangazelela ezingabonwayo. Kaloku ezibonwayo izinto zezexeshana nje, kanti ezingabonakaliyo ziya kuhlala zihleli.

Currently Selected:

2 KWABASEKORINTE 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy