YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASEKORINTE 3

3
Umnqophiso omtsha
1Ngaba ndiyawazincoma? Ngaba nam ndikwanjengabantu abathile, ndifuna iincwadi zokuzazisa ezivela okanye eziya kuni? 2Hayi bo! Incwadi yam nini, ibhalwe ezintliziyweni zethu, futhi iyaziwa ifundwa ngumntu wonke. 3Ngokucacileyo niyincwadi kaKrestu evele ngokusebenza kwam kuni. Ayibhalwanga ngeinki, koko ibhalwe ngoMoya kaThixo ophilayo; ayikrolwanga kumacwecwe elitye , koko ibhalwe kumacwecwe entliziyo.
4Le nto ndiyithetha kuba ndithembele ngokupheleleyo kuThixo ngenxa kaKrestu. 5Le nto ayithethi kuthi ndinako ukuwenza ngokwam lo msebenzi. Amandla endinawo avela kuThixo. 6Ikwanguye ondenze ndaba nako ukukhonza phantsi komnqophiso omtsha, ongaxhomekekanga kumthetho obhaliweyo, koko uxhomekeke kuMoya. Wona umthetho obhaliweyo uyabulala, kodwa yena uMoya uyaphilisa.
7Umthetho wakrolwa kumacwecwe elitye, baza ubuqaqawuli bukaThixo babonakala ukunikezelwa kwawo. Nangona ukukhanya okwakusebusweni bukaMosis kwakukokwexeshana, kwakuqaqambe kangangokuba amaSirayeli angabi nako ukumjonga. Ukuba umthetho lo wezisa ukufa wasungulwa ngobuqaqawuli obungako, 8kubeka phi ke ukuqaqamba kwale meko intsha isungulwa nguMoya! 9Ukuba ulungiselelo olubagwebayo abantu lwaluqaqambile, ngaba lubeka phi ke ukuqaqamba ulungiselelo olubenza msulwa abantu! 10Ngenene isihomo ebesikho kumnqophiso omdala sitshitshisiwe ngenxa yokuba ngoku sifikile isihomo esindilekileyo kunaso. 11Kaloku, ukuba nento yexeshana le yaba nesithozela, ibeka phi ke yona into ehlala ihleli!
12Ngenxa yokuba ke sinethemba elinje sithetha ngesibindi. 13Thina asifani noMosis. Yena wayefaka isigqubuthelo ebusweni, ukuze amaSirayeli angakuboni ukubengezela oko kude kuphele. 14Ngenene ingqiqo yawo yayibuthuntu; phofu ke eso sigqubuthelo sisekho kwingqiqo yawo unanamhlanje xa kufundwa iincwadi zomnqophiso omdala. Esi sigqubuthelo siyasuka akuba umntu emanyene noKrestu. 15Unanamhlanje, nanini na umthetho kaMosis ufundwa, esi sigqubuthelo sihlala sihleli kwingqiqo yamaSirayeli. 16Kanti ke nanini na ebuyela eNkosini, siyasuka isigqubuthelo. 17INkosi le ke nguMoya. Apho ke ukhona uMoya weNkosi kubakho inkululeko. 18Ke kaloku thina sonke, sinobuso obutyhiliweyo, ubuqaqawuli beNkosi sibubona ngokungathi kusesibukweni. Ngoko ke siyaguqulwa sifane nayo ncam, sinesidima esiya sikhula. Yonke ke le nto ivela eNkosini ekwanguMoya.

Currently Selected:

2 KWABASEKORINTE 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy