YouVersion Logo
Search Icon

2 KWABASEKORINTE 2

2
1Ndandizimisele ke ukuba andiyi kuphinda ndize kuni, ndize kunenza lusizi. 2Kuba ndingónwatyiswa ngubani, xa ndikhathaza nina? Kaloku akukho wumbi ngaphandle kwenu! 3Into ke eyandibangela ukuba ndinibhalele laa leta kukuba ndandingathandi ukuviswa intliziyo ebuhlungu kwangabo bantu bamelwe kukundonwabisa. Kaloku ndiqinisekile kukuba nani niyonwaba xa ninonke ukuba mna ndonwabile. 4Ndanibhalela ndinexhala, ndibuhlungu, ndisezinyembezini, phofu ndingajonge ukunivisa ntw' imbi, koko ndandifuna niyiqonde kakuhle indlela endinithanda ngayo.
Ukuxolelwa kowonayo
5Ukuba ke kukho bani ukhathaze omnye, loo mntu akakhathazanga mna ndedwa, ngenye indlela unikhathazile nani. 6Isohlwayo uninzi lwenu eluvumelene ngaso sikwanele ukona kwakhe. 7Ngoku ke kufuneka nimxolele, nimkhuthaze, ningamyeki ade atyhafe yintlungu akuyo, aze ancame. 8Ndiyanibongoza, loo mntu mboniseni ukuba nimthanda ngenene. 9Ndanibhalela laa leta kanye ngenxa yesi sizathu: ndandifuna ukunivavanya, ndiqonde ukuba niza kusithobela na isiyalo sam. 10Xa sukuba nixolela umntu ngokona kwakhe, nam ndiyamxolela. Kuba mna xa ndixolela – apho sukuba kukho ndawo ndixolela umntu ngayo – ndenjenjalo ngenxa yenu egameni likaKrestu. 11Masingavumi ukuqhathwa nguSathana. Siwazi kakuhle kaloku amaqhinga akhe.
Ixhala likaPawulos eTrowa
12Ndakuba ndiseTrowa ngodaba lokuhambisa iindaba ezimnandi ezingoKrestu, ndafika apho iNkosi indenzele ithuba elihle lokusebenza. 13Kodwa andizange ndonwabe emphefumlweni ngenxa yokungamfumani apho uTito uwethu. Ndasuka ke ndacela indlela kubantu balapho, ndemka ndaya eMakedoni.
Ukoyisa ngoKrestu
14Kodwa, makabongwe uThixo! Kuba simanywe noKrestu nje, yena usoloko esikhokela kumngcelele woloyiso lwakhe. UThixo usebenzisa thina, ukuze kunwenwe ukumazi uKrestu, kugqibe yonke indawo, njengevumba elimnandi. 15Sinjengesiqhumiso thina esinevumba elimnandi, uKrestu asiqhumisela uThixo, ukuze sinwenwe phakathi kwabasindiswayo nâbo baya kwantshabalalo. 16Iphunga laso liyabarhaxa abaya kwantshabalalo; silivumba elimnandi elidlisa ubomi kwabo basindiswayo. Ke, ngaba ngubani owufaneleyo lo msebenzi unje? 17Thina okungenani asihambi sijikeleza sithengisa ngodaba lukaThixo njengoko besenza abaninzi. Thina bamanywe noKrestu sivakalisa udaba sinyanisekile okwezigidimi zikaThixo.

Currently Selected:

2 KWABASEKORINTE 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy