YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 25

25
UAmaziya ukumkani kaJuda
(2 Kum 14:2-6)
1UAmaziya waba ngukumkani eneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anethoba. Unina yayinguYowadan intombi yaseJerusalem. 2Yena wenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo, noxa wayengaphelelisanga. 3Akuziqonda ukuba uzinzile embusweni wawabulala amaphakathi awayebulele uyise. 4Kambe ke zange ababulale oonyana bawo, koko wenza njengoko kubhaliweyo emthethweni kwincwadi kaMosis, apho uNdikhoyo ayalela ngokuthi: “Ooyise abayi kubulawa ngenxa yabantwana, kanti nabantwana abayi kubulawa ngenxa yooyise, koko ulowo nalowo uya kufela izono zakhe.”
Imfazwe namaEdom
(2 Kum 14:7)
5UAmaziya wawaqokelela onke amaJuda, waza wawaba ngokwemizi, ewenza amabutho aliwaka nalikhulu – nditsho uJuda noBhenjamin. Wabagaya abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, waza wazuza amakhulu amathathu amawaka amadoda asemgangathweni wokungenela umkhosi, lawo anako ukusebenzisa umkhonto nekhaka. 6Kananjalo waqesha amajoni akwaSirayeli alikhulu lamawaka, ngesiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu anamakhulu amane.
7Kodwa ke kwafika indoda yakwaThixo kuye, yathi: “Hayi, kumkani, la mabutho akwaSirayeli sukuwadibanisa namabutho akho, kuba kaloku *uNdikhoyo umchasile uSirayeli naye nabani na ongowakwaEfrayim. 8Noba ungade ukhaliphe kangakanani na emfazweni, uThixo uya kukuyekela ngolo tshaba; kaloku uThixo nguye onegunya lokunceda nelokuyekela.”
9UAmaziya ke wathi kuloo mfo wakwaThixo: “Kothekani kodwa ngaloo mawaka amakhulu mathathu anamakhulu amane esiliva endiyihlawule ngaloo majoni akwaSirayeli?”
Umfo wakwaThixo ke waphendula wathi: “UNdikhoyo unako ukukunika nangaphezulu.”
10Ngoko ke uAmaziya wawarhoxisa loo mabutho wayewathathe kwaEfrayim, waza wawagodusa. Kambe ke agoduka evutha ngumsindo enganelisekanga seso senzo sikaJuda.
11Ke uAmaziya wabuya womelezeka wawukhokelela kwiNtili yeTyuwa umkhosi wakhe, apho ke wageqa amadoda aseSeyire alishumi lamawaka. 12Kananjalo umkhosi kaJuda wathimba amadoda alishumi lamawaka, wawathatha loo mabanjwa wawasa kwincopho yeliwa, waza wawajulela ezantsi antlekeka afa onke.
13Ke wona laa mabutho wawagodusayo uAmaziya, asuka ahamba enqoloba iidolophu zakwaJuda ukususela eSamariya kuye eBhete-horon. Abulala abantu abangamawaka amathathu, aza athimba intaphane yamaxhoba.
14UAmaziya ukubuya kwakhe evela kubulala amaEdom wabuya nazo izithixo zabantu abo baseSeyire. Wazimisela ezo zithixo zaba zezakhe, waqubuda kuzo, wazenzela namadini atshiswayo. 15Ke ingqumbo kaNdikhoyo yavutha ngakuAmaziya. Waza ke wamthumelela umshumayeli owathi kuye: “Ngani ukuba uthembele kwaba thixo bolu hlanga, bengabanga nako nje ukubahlangula abantu babo esandleni sakho?”
16Esathetha njalo, ukumkani wathi kuye: “Umiswe ngubani ukuba ucebise ukumkani wena? Suk' apha, thula! Kungenjalo ke ndakukubulala!”
Umshumayeli ke wayekelela, kodwa waleka ngelithi: “Kambe ke ndiyazi ukuba uNdikhoyo uzimisele ukukutshabalalisa ngenxa yokuba uyenzile le nto, akwaliphulaphula necebiso lam.”
Imfazwe namaSirayeli
(2 Kum 14:8-20)
17Ke uAmaziya ukumkani wakwaJuda uthe akuba ethetha-thethene nabacebisi bakhe wasuka wathumela ecel' umngeni kuYehowashe unyana kaYowahazi, kaYehu ukumkani wakwaSirayeli, esithi: “Yiza sihlangane!”
18Kambe ke uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waphendula uAmaziya ukumkani wakwaJuda wathi: “Umthana wameva waseLebhanon wathumela udaba kumsedare waseLebhanon usithi: ‘Yendisela intombi yakho kunyana wam!’ Kusenjalo kwavela irhamncwa apho eLebhanon, laza lawunyhasha ngeenyawo loo mthana wameva. 19Ngenxa yokuba usithi uwoyisile amaEdom, ngoku ukhukhumele unekratshi. Kambe ke mna ndithi: ‘Hlal' ekhaya! Ngani ukuba uziqhwayele inkathazo eya kukukhahlela phantsi wena ndawonye noJuda?’ ”
20Kambe ke uAmaziya zange aphulaphule, kuba kaloku uThixo wayeselezimisele ukumnikezela kuYehowashe, kuba esuke wathembela kwizithixo zamaEdom. 21Ngoko ke uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wamhlasela. Yena noAmaziya ukumkani wakwaJuda baqubisana eBhete-shemeshe kwelakwaJuda. 22UJuda ke wavuthululwa nguSirayeli, yaza ke yayileyo indoda yabalekela kowayo. 23UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmaziya ukumkani wakwaJuda unyana kaYowashe, ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe. Ke uYehowashe wamsa eJerusalem, wafika waludiliza udonga lweJerusalem, ukusukela kwiSango lakwaEfrayim ukuya kwiSango leKona, umgama okwisithuba seemitha ezimakhulu mabini. 24Wayithimba yonke igolide nesiliva, nayo yonke impahla awayifumana endlwini kaThixo, zinto ezo zazigcinwe nguObhedi-edom, ndawonye nobutyebi basebhotwe namabanjwa lawo, waza ke wabuyela eSamariya.
25Ke uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda wahlala iminyaka elishumi elinesihlanu emva kokufa kukaYehowashe unyana kaYowahazi ukumkani wakwaSirayeli. 26Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Amaziya, ukusukela ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli. 27UAmaziya ke wathi akugwilika ekulandeleni *uNdikhoyo asuka amenzela iyelenqe amawabo eJerusalem, waza ke wabalekela eLakishe. Phofu ke nalapho amthumelela amadoda, aza ambulalela khona. 28Ke kaloku wathwalwa ngamahashe wabuyiswa, waza wangcwatywa phakathi kooyise kwisixeko sikaJuda.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 25: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy