YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 24

24
UYowashe uhlaziya indlu kaThixo
(2 Kum 12:1-16)
1Ukungena kwakhe ebukhosini uYowashe wayeneminyaka esixhenxe, waza ke walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amane. Unina yayinguZibheya intombi yaseBheshebha. 2Ngalo lonke ixesha lombingeleli uJoyada uYowashe wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo. 3UJoyada wamfunela abafazi ababini, waza ke wanoonyana neentombi.
4Emva koko ke uYowashe wazimisela ukuyihlaziya indlu kaNdikhoyo. 5Wabiza ababingeleli nabaLevi, wathi kubo: “Ngenani kwiidolophu zakwaJuda, niqokelele imali engumrhumo wonyaka kuwo onke amaSirayeli, ukuze kulungiswe indlu yoThixo wenu. Loo nto ke yenzeni ngoku.” Kodwa ke abaLevi abayenzanga kwangoko loo nto.
6Ngoko ke ukumkani wabiza umbingeleli omkhulu uJoyada, wathi kuye: “Ngani ukuba ungatsho abaLevi bezise imali engumrhumo owamiswa nguMosis isicaka *sikaNdikhoyo waza wabethelelwa libandla likaSirayeli – mrhumo lowo abaLevi bebefanele ukuwuqokelela kumaJuda naseJerusalem – ingumrhumo wentente engqinela ubukho bukaNdikhoyo.”
7Ke amahlakani alaa mfazi ukhohlakeleyo uAtaliya aqhekeza indlu kaThixo, aza athatha izitya ezingcwele zendlu kaNdikhoyo, azisebenzisa kunqulo lukaBhali.
8Ngomyalelo kakumkani kwenziwa ityesana, yaza yabekwa ngaphandle kwesango lendlu kaNdikhoyo. 9Wonke uJuda neJerusalem wakhutshelwa isaziso sokuba makezise kuNdikhoyo loo mrhumo wamiswa nguMosis isicaka sikaThixo, ewumisela uSirayeli entlango. 10Onke amaphakathi kwakunye nabantu bonke, bakuthakazelela ukuzisa loo mrhumo, baza ke bamana bewufaka apho kuloo tyesana yada yazala. 11Loo tyesana yayisithi yakuziswa ngabaLevi kumaphakathi kakumkani aze abone ukuba sekukho isixa semali, unobhala wasebhotwe negosa lombingeleli omkhulu babeyithatha bayikhuphe loo mali, baze bayiphindisele kwasendaweni yayo ityesana leyo. Le nto ke babeyenza njalo-njalo, baza ke ngaloo ndlela baqokelela imali eninzi. 12Ukumkani noJoyada bayinikezela kuloo madoda ayesenza umsebenzi wendlu kaNdikhoyo. Baqesha iingcibi nabachweli ukuze zihlaziye indlu kaNdikhoyo, kananjalo bafuna nabasebenzi bentsimbi nobhedu ukuze balungise indlu kaNdikhoyo.
13Loo madoda ayongamele umsebenzi lowo ayekhuthele, waza ke umsebenzi wokuhlaziya waqhubela phambili phantsi kwawo. Indlu kaThixo baphinda bayakha, bayibuyisela kwimo yayo yantlandlolo bayixhasa. 14Bakuyiphetha ke, imali eseleyo bayisa kukumkani noJoyada; kwaza ke ngayo kwenziwa izinto zokusetyenziswa endlwini kaNdikhoyo: izixhobo zokusebenza, ezamadini atshiswayo, imicephe, nezinye izinto zegolide nezesiliva. Ngethuba lobomi bukaJoyada amadini atshiswayo ayenikezelwa engaphezi endlwini kaNdikhoyo.
15Ke uJoyada wayeseleneminyaka, ekhulile emdala, enekhulu elinamashumi amathathu eminyaka ukufa kwakhe. 16Wangcwatywa phakathi kookumkani kwisixeko sikaDavide, kuba kaloku wayenze okulungileyo kuThixo nendlu yakhe kwaSirayeli.
Inkohlakalo kaYowashe
17Emva kokusweleka kukaJoyada amaphakathi akwaJuda eza kubusa kukumkani, waza ke wawaphulaphula. 18Bayilahla indlu *kaNdikhoyo uThixo wooyise, banqula iintsika zika-Ashera nemifanekiso. Ngenxa yobutyala bawo ke ingqumbo kaThixo yaba phezu koJuda neJerusalem. 19UNdikhoyo wathumela *abashumayeli apho ebantwini ukuze babashumayeze baguqukele kuye, kodwa abazange baguquke naxa bebakhalimela.
20Ke uMoya kaThixo wamfikela uZakariya unyana wombingeleli uJoyada. Wema phambi kwabantu, wathi: “UThixo uthi: ‘Kungani na ukuba ningayithobeli imiyalelo kaNdikhoyo? Soze nibe nto! Ngenxa yokuba nimlahlile uNdikhoyo, naye ke unilahlile.’ ”
21Kambe ke basuka bamenzela iyelenqe, baza ngokomyalelo kakumkani bamgibisela ngamatye wafela enkundleni yendlu kaNdikhoyo. 22Ukumkani uYowashe wabulibala ubuntu awayebenzelwe nguyise kaZakariya, wasuka wambulala unyana wakhe. Ke xa afayo uZakariya wathi: “Ngamana uNdikhoyo wakugqala ngesi senzo, akubuyekeze.”
23Ngentlakohlaza yaloo nyaka umkhosi wama-Aram wahlasela uYowashe, wamngenela uJuda neJerusalem, wazibulala zonke iinkokheli zabantu. Amaxhoba onke bawathumela kukumkani wabo eDamasko. 24Nangona loo mkhosi wama-Aram wawungemkhulu ngamanani kodwa uNdikhoyo wanikezela esandleni sawo umkhosi omkhulu kunawo. UJuda wamlahla uNdikhoyo uThixo wooyise, yaza ke ingqumbo yawa phezu koYowashe. 25Ukurhoxa kwawo ama-Aram lawo amshiya emngxwelerhile uYowashe. Amaphakathi akhe amenzela iyelenqe, aza ambulala ngenxa yokuba wabulala unyana wombingeleli uJoyada; ewe, bambulalela emandlalweni wakhe. Wafa ke, waza wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide, phofu akafihlwa phakathi kookumkani.
26Abamenzela iyelenqe nguZabhadi ozalwa nguShimeyati umAmonikazi, noYozabhadi ozalwa nguShimriti umMowabhikazi. 27Ke ingcombolo yoonyana bakhe kwaneentshumayelo ezingaye, nenkcazo mayela nokuhlaziywa kwendlu kaThixo, nâzo encwadini yamanqaku eembali zookumkani. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uAmaziya.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 24: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy