YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 4

4
Inzala kaJuda
1Oonyana bakaJuda nguPerezi noHezeron, noKarmi, noYuri, noShobhali. 2URaya, unyana kaShobhali, wazala uYahati, uYahati wazala uAhumayi noLahadi. Zizo ezo ke izindlu zamaZora.
3Oonyana bakaEtam nguYizereli, noIshma, noIdebhashe. Igama lodade wabo nguHazeleleponi. 4UPenuweli, ukhokho weGedore, kunye noEzere, ukhokho weHusha, babeyinzala kaYuri, owayengamazibulo kamka-Kalebi uEfrata, ukhokho weBhetelehem.
5UAskure, ukhokho weTekowa, wayenabafazi ababini, uHela noNahara. 6UNahara wazala uAhuzam, noHefere, noTemani, noHashatari. 7Oonyana bakaHela nguZerete, noZohare, noEtenan, 8noKozi owazala uAnubhi, noZobhebha, nendlu ka-Aharele unyana kaHarum.
9UYabheze wayedumile kunabantakwabo. Unina wamthiya eli gama linguYabheze esithi: “Kaloku ndimzele ngokubulaleka yintlungu yenimba.” 10UYabeze lo wazibika kuThixo wakwaSirayeli, wathi: “Ngamana wandithamsanqelisa, wawandisa umhlaba wam. Nceda ube nam, undikhusele ebubini, ukuze ndingafi yintlungu.” Ke uThixo wamenzela loo nto ayicelileyo.
Izindlu
11UKelubhi, umntakwabo-Shuwa, wazala uMeyire, uyise kaEshton. 12UEshton wazala uBhete-rafa, noPaseha, noTehina, ukhokho weIre-nahashe. Yinzala yala madoda ke emi eReka.
13Oonyana bakaKenazi nguOteniyeli noSeraya. UOteniyeli wazala uHatati [noMeyonotayi], 14uMeyonotayi wazala uOfra. Ke uSeraya wazala uJowabhi, ukhokho weGeharashim, eyabizwa ngeli gama kuba abantu balapho babeziingcibi.
15Oonyana bakaKalebhi, unyana kaYefune, nguIru, noEla, noNaham. Unyana kaEla nguKenazi.
16Naba oonyana bakaYehaleleli: nguZifi, uZifa, uTiriya, noAsareli.
17-18Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. UMerede wathatha uBhitiya, intombi yokumkani waseJiputa, baza bazala intombi enguMiriyam noonyana abanguShamayi noIshbha. UIshba lo ngukhokho weZanowa. UMerede wathatha iqadi kwindlu yakwaJuda, lazala uJerede ukhokho weGedore, noHebhere ukhokho weSoko, noYekutiyeli ukhokho weZanowa.
19UHodiya wathatha udade boNaham, ukhokho weKehila. Oonyana bakhe nguGarmi noEshtemowa waseMahaka.
20Naba oonyana bakaShimon: nguAmnon, uRina, uBhen-rhanana, noTilon. Oonyana bakaIshi ngooZoyeti noBhen-zoyeti.
Inzala kaShela
21Oonyana bakaShela, unyana kaJuda, nguEre ukhokho weLeka, noLada ukhokho weMaresha, nezindlu zabasebenza ilineni eBhete-ashbheya, 22noYokim, nabemi baseKozebha, noYowashe, noSarafe, ababeziziphathamandla eMowabhi naseYashubhi-lehem. Ke ezi zizinto zakudala. 23Babengababumbi bezinto zomdongwe. Babehlala nokumkani eNetayim naseGedera, bemsebenzela.
Inzala kaSimon
24Naba oonyana bakaSimon: nguNemuweli, noJamin, noYaribhi, noZera, noShawule. 25UShawule wazala uShalum, uShalum wazala uMibhesam, uMibhesam wazala uMishma. 26Ke uMishma wazala uHamuweli, uHamuweli wazala uZakure, uZakure wazala uShimeyi. 27UShimeyi wayenoonyana abalishumi elinantandathu neentombi ezintandathu, kodwa abantakwabo-Shimeyi ababanga nabantwana abaninzi. Ke ngoko indlu yakwaSimon ayandanga njengendlu yakwaJuda. 28Babehlala eBheshebha, naseMolada, naseHazare-shuwali, 29naseBhileha, nase-Ezem, naseToladi, 30naseBhetuweli, naseHoma, naseZikelage, 31naseBhete-markabhoti, naseHazare-susim, naseBhete-bhiri, naseSharayim. Zizo ezo ke iilali apho yayihlala khona indlu yakwaSimon de uDavide waba ngukumkani. 32Babehlala nakwezinye iindawo ezintlanu: e-Etam, eAyin, eRimon, eToken, naseAshan, 33kwanasezilalini eziphahle ezo ndawo, kude kuye kutsho kwaBhali. Zizo ezo ke iindawo ababehlala kuzo, begcina imilibo yokuzalwa.
34Nazi ke iintloko zezindlu: UMeshobhabhi; noYamleki; noYosha, unyana ka-Amaziya; 35noYoweli; noYehu, unyana kaYoshibhiya kaSeraya ka-Asiyeli; 36noEliyohenayi; noYakobha; noYeshohaya; noAsaya; noAdiyeli; noJesimiyeli; noBhenaya; 37noZiza, unyana kaShifi ka-Alon kaYedaya kaShimri kaShemaya.
38Ke izindlu zabo zanaba kunene, 39bada baya ngasemacaleni eGedore, beyifunela amadlelo impahla yabo empumalanga entilini yalapho. 40Bafumana amadlelo atyebileyo amahle, ethe thabalala. Elo lizwe lalizolile, lonwabile. Kudala kwakumi amaHam apho. 41Ngemihla kakumkani uHezekiya wakwaJuda la madoda akhankanyiweyo afika awahlasela amaHam ezindlwini zawo, kwakunye namaMehun awayelapho, aza awatshabalalisa kwaphela, njengoko kusenjalo nangoku. Ahlala ezikhundleni zawo ke, kuba amadlelo alapho ebeyifanele impahla yawo. 42Kuwo la maSimon kwaphuma amadoda angamakhulu amahlanu, aya kuhlasela eleentaba lase-Edom. Ayephantsi koPelatiya, noNehariya, noRefaya, noUziyeli, oonyana bakaIshi. 43Baxabela amasalela ama-Amaleki awayesindile, baza bahlala khona unanamhla.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy