YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 26

26
Abagcini-masango bendlu kaThixo
1Nazi iintloko zamaqela abagcini-masango endlu kaThixo: KumaKora yayinguMeshelemiya unyana kaKore wendlu ka-Asafu. 2UMeshelemiya wayenoonyana abasixhenxe: yayinguZekariya owamazibulo, ibe nguYediyali, uZebhadiya, uYateniyeli, 3uElam, uYohanan, noEliyehunayi.
4-5Bekukho no-Obhedi-edom owathamsanqelwa nguThixo waba noonyana abasibhozo. YayinguShemaya owamazibulo, ibe nguYozabhadi, uYowa, uSakare, uNataniyeli, uAmiyeli, uIsakare, noPewuletayi. 6Unyana kaObhedi-edom, uShemaya, wazala oonyana abaziinkokheli, nditsho amagorha anobukroti. 7Oonyana bakaShemaya aba ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabona badume ngobukroti uElihu noSemakiya. 8Ke kwinzala nezizalwana zikaObhedi-edom kwabakho amadoda angamashumi amathandathu anambini awaba ngabagcini-masango, yaye ayenobukroti kulo msebenzi. 9Kwinzala nezizukulwana zikaMeshelemiya kwakukho amakroti alishumi elinesibhozo.
10-11KumaMerari yayinguHosa noonyana bakhe abane: uShimri, noHilekiya, noTebhaliya, noZekariya. UShimri wamiselwa ubukhulu nguyise nakuba wayengelozibulo. Kwinzala nezizalwane zikaHosa abagcini-masango kwindlu kaThixo babelishumi elinantathu.
12La maqela abagcini-masango aphantsi kweenkokheli zawo xa ewonke ayenesigxina sawo sokulungiselela endlwini *kaNdikhoyo. 13Amaqela la ênza *amaqashiso kumsebenzi wamasango, kungekho ukhethe phakathi komncinci nomkhulu.
14Iqashiso lokugada isango elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Unyana wakhe uZekariya, owayedume ngamacebo, naye wenzelwa *amaqashiso, laphuma kwelokuba agade isango langasentla. 15Iqashiso likaObhedi-edom laba lelokugada isango langasezantsi, eloonyana bakhe laba lelokugada oovimba. 16ElooShupim noHosa iqashiso laba lelokugada isango elingasentshonalanga kunye nesango leShalekethe endleleni enyukayo. Abagadayo babengamaqela alandelanayo. 17Mihla le abaLevi abagada ngasempumalanga babebathandathu, bebane ngasentla, bebane nangasezantsi. Koovimba abalindi aba babegada ngababini ngababini. 18Kwinkundla yangasentshonalanga babebane endleleni, babe babini enkundleni phakathi.
19Ngawo lawo ke amaqela abagcini-masango abayinzala kaKora nabayinzala kaMerari.
Abagcini boovimba bendlu kaThixo
20Amawabo abaLevi ayongamele oovimba bendlu kaThixo noovimba bokugcina izinto ezingcwele.
21ULadan, unyana kaGershon, wazala uYehiyeli nabanye oonyana ababeziinkulu zezindlu. 22Oonyana bakaYehiyeli, uZetam nomninawa wakhe uJoweli, babongamele oovimba bendlu *kaNdikhoyo.
23Bekukho nama-Amram, amaIzare, amaHebron, namaUziyeli aphathiswe imisebenzi ethile. 24UShebhuweli umzukulwana kaGershom unyana kaMosis ebengunondyebo wendlu kaThixo. 25UShebhuweli wayezalana noShelomiti. Kaloku uElizere, umntakwabo-Gershom, wazala uRabhiya, uRhabhiya wazala uYeshaya, uYeshaya wazala uYoram, uYoram wazala uZikri, uZikri wazala uShelomiti. 26UShelomiti lo nezizukulwana zakhe wayongamele zonke izipho ezazinikelwe kuThixo ngukumkani uDavide neenkulu zezindlu namanye amadoda amakhulu awayeziingqwayi-ngqwayi nezithwala-ndwe zomkhosi. 27Kaloku la madoda ayethathe inxalenye yamaxhoba emfazwe, anikela ngawo khon' ukuze indlu kaThixo ibe nokulungiswa. 28Yonke into eyayinikelwe *ngumshumayeli uSamweli, nokumkani uSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noJowabhi unyana kaZeruya, nayiphi na enye into eyayinikelwe, yayisesandleni sikaShelomiti nezizalwane zakhe.
Ababethetha amatyala
29Kwinzala kaIzare uKenaniya noonyana bakhe baphathiswa umsebenzi ongenguwo owendlu kaThixo. Lo msebenzi wawukukugcina ucwangco nokuthetha amatyala akwaSirayeli.
30Kwinzala kaHebron uHashabhiya nezizalwane zakhe babesenza umsebenzi kaNdikhoyo nowekomkhulu kumaSirayeli angasentshonalanga kweJordan. La maHebron ayeliwaka elinamakhulu asixhenxe, engamakroti. 31Inkulu yamaHebron yayinguJeriya. Ngonyaka wamashumi amane elawula uDavide yaphandwa inzala kaHebron, kwafunyanwa amaHebron angamagorha eYozere kummandla waseGiliyadi. 32UJeriya wayenezizalwana ezingamawaka amabini anamakhulu asisixhenxe. La madoda ayengooyise bezindlu, engamakroti, waza ukumkani uDavide wabenza abaphathi bamaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, khon' ukuze benze umsebenzi kaThixo nowekomkhulu.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 26: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy