YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 25

25
Iimvumi zendlu kaThixo
1Ukumkani uDavide, ekunye neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, wachonga abathile koonyana baka-Asafu, nabakaHeman, nababakaJedutum, wabanika umsebenzi wokushumayela bekhalisa iihapu nemirhubhe namacangci. Nanga ke amadoda awayephethe lo msebenzi:
2Koonyana baka-Asafu nguZakure, noJosefu, noNetaniya, noAsharela. Babeshumayela ngokomyalelo kakumkani, bephethwe nguAsafu.
3Koonyana bakaJedutun nguGedaliya, noZeri, noYeshaya, [noShimeyi], noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu. Babephethwe nguyise uJedutun, owayeshumayela esebenzisa ihapu ukubulela nokudumisa *uNdikhoyo.
4Koonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noJerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMaziyoti. 5Bonke aba babengoonyana bakaHeman *umshumayeli kakumkani. Wayebanikwe ngokwesithembiso sikaThixo sokuphakamisa isidima sakhe. Ewe, uThixo wanika uHeman oonyana abalishumi elinane neentombi ezintathu.
6Ngokomyalelo kakumkani onke la madoda ayephethwe ngooyise uAsafu, noJedutun, noHeman. Ayevuma enkonzweni endlwini kaNdikhoyo, enamacangci nemirhubhe neehapu. 7Inani lawo, ekunye nabantakwawo ababeqeqeshelwe iingoma zikaNdikhoyo, lalingamakhulu amabini anamashumi asibhozo anesibhozo. 8Xa bawabayo umsebenzi benza *amaqashiso, kungekho ukhethe phakathi komncinane nomkhulu, ngokunjalo nokwaziyo nosaqeqeshwayo.
9Nazi iziphumo zamaqashiso malunga nokulandelelana kwamathuba okusebenza kwamaqela:
elokuqala: elikaJosefu umAsafu,
elesibini: elikaGedaliya,
10elesithathu: elikaZakure,
11elesine: elikaIzeri,
12elesihlanu: elikaNetaniya,
13elesithandathu: elikaBhukiya,
14elesixhenxe elikaYesharela,
15elesibhozo: elikaYeshaya,
16elethoba: elikaMataniya,
17eleshumi: elikaShimeyi,
18eleshumi elinanye: elika-Azarele,
19eleshumi elinambini: elikaHashabhiya,
20eleshumi elinesithathu: elikaShubhayeli,
21eleshumi elinesine: elikaMatitiya,
22eleshumi elinesihlanu: elikaYeremoti,
23eleshumi elinesithandathu: elikaHananiya,
24eleshumi elinesixhenxe: elikaYoshebhekasha,
25eleshumi elinesibhozo: elikaHanani,
26eleshumi elinethoba: elikaMaloti,
27elamashumi amabini: elikaEliyata,
28elamashumi amabini ananye: elikaHotire,
29elamashumi amabini anambini: elikaGidaleti,
30elamashumi amabini anantathu: elikaMaziyoti,
31elamashumi amabini anane: elikaRomamti-ezere.
Iqela ngalinye beliba namadoda alishumi elinambini, liphantsi kwenkokheli yalo.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 25: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy