YouVersion Logo
Search Icon

INTSHUMAYELI 3

3
Ubuathalala bomntu necebo likaThixo
1Into yonke inexesha elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwezulu: 2ukuzala kunexesha lako, ukufa kunexesha lako ukutyala kunexesha lako, ukunyothula okutyelweyo kunexesha lako; 3ukubulala kunexesha lako, ukuphilisa kunexesha lako; ukuchitha kunexesha lako, ukwakha kunexesha lako; 4ukulila kunexesha lako; ukuhleka kunexesha lako; kukho ixesha lokulila umbambazelo, kukho nexesha lokudloba; 5kukho ixesha lokuchithachitha amatye, kukho nexesha lokufumba amatye; ukuwola kunexesha lako, ukuyeka ukuwola kunexesha lako; 6ukufuna kunexesha lako, ukulahlekelwa kunexesha lako; ukugcina kunexesha lako, ukulahla kunexesha lako; 7ukukrazula kunexesha lako, ukuthunga kunexesha lako; ukuthi cwaka kunexesha lako, ukuthetha kunexesha lako; 8ukuthanda kunexesha lako, ukuthiya kunexesha lako; kukho ixesha lemfazwe, kukho nexesha loxolo.
9Ùnalungelo lini na lowo usebenzayo, kuloo nto ayenzela imigudu? 10Ndiwubonile umzamo, awuniké oonyana babantu uThixo, ukuba bawuzame. 11Zonke izinto uzenzé zantle ngexesha lazo; kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo ngohlobo lokuba umntu angasifumani isenzo asenzayo uThixo, athabathele ekuqaleni ade ase ekupheleni. 12Ndiyazi ke ukuba akukho nto ilungileyo phakathi kwabo, ingekukuvuya nokuzizuzela okulungileyo ebomini babo. 13Kwanokuba wonnke umntu adle, asele, abone okulungileyo emigudwini yakhe yonke: sisipho sikaThixo eso. 14Ndiyazi ke ukuba yonke into aya kuyenza uThixo, yiyo eya kuba ngonaphakade; kungòngezwa nto kuyo, kungàcatshulwa nto kuyo; uThixo ukwenzela ukuba koyikwe ebusweni bakhe. 15Le nto ikhoyo ibiselikho kade; nento eya kubakho ibiselikho kade. UThixo ke ubuya ayifune into egxothiweyo.
16Ndabuya ndabona phantsi kwelanga indawo yokugweba, ukuba okungendawo kukhona; nendawo yobulungisa, ukuba okungendawo kukhona. 17Ndathi mna entliziyweni yam, Nolilungisa nongendawo, uThixo uya kulithetha ityala labo; ngokuba umise ixesha layo yonke imicimbi, nazo zonke izenzo.
18Ndathi mna entliziyweni yam, Kungenxa yoonyana babantu, ukuze uThixo abahlèle, nokuze bazibone benjengeenkomo bona ngokwabo. 19Ngokuba bayahlelwa oonyana babantu, xiyahlelwa neenkomo, sinye isihlo kubo nakuzo; njengoko kunjalo ukufa kwabo, kunjalo ukufa kwazo; mnye umoya kubo bonke nakuzo zonke; akukho kuyigqitha komntu inkomo; ngokuba zonke ezo nto zingamampunge. 20Zonke ezo nto ziya ndaweni-nye; zonke ezo nto zavela eluthulini, zonke ezo nto zibuyela eluthulini. 21Ngubani na owaziyo umoya woonyana babantu, ukuba uyenyuka na uye phezulu; nomoya wenkomo, ukuba uyehla na uye phantsi emhlabeni? 22Ndaqonda ke ukuba akukho nto ilunge ngaphezu kokuba umntu avuye ezenzweni zakhe; ngokuba kusisabelo sakhe oko. Ngokuba uya kungeniswa ngubani na, ukuba akubone okuya kubakho emveni kwakhe?

Currently Selected:

INTSHUMAYELI 3: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy