1
INTSHUMAYELI 3:1
IZIBHALO EZINGCWELE
Into yonke inexesha elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwezulu
Compare
Explore INTSHUMAYELI 3:1
2
INTSHUMAYELI 3:2-3
ukuzala kunexesha lako, ukufa kunexesha lako ukutyala kunexesha lako, ukunyothula okutyelweyo kunexesha lako; ukubulala kunexesha lako, ukuphilisa kunexesha lako; ukuchitha kunexesha lako, ukwakha kunexesha lako
Explore INTSHUMAYELI 3:2-3
3
INTSHUMAYELI 3:4-5
ukulila kunexesha lako; ukuhleka kunexesha lako; kukho ixesha lokulila umbambazelo, kukho nexesha lokudloba; kukho ixesha lokuchithachitha amatye, kukho nexesha lokufumba amatye; ukuwola kunexesha lako, ukuyeka ukuwola kunexesha lako
Explore INTSHUMAYELI 3:4-5
4
INTSHUMAYELI 3:7-8
ukukrazula kunexesha lako, ukuthunga kunexesha lako; ukuthi cwaka kunexesha lako, ukuthetha kunexesha lako; ukuthanda kunexesha lako, ukuthiya kunexesha lako; kukho ixesha lemfazwe, kukho nexesha loxolo.
Explore INTSHUMAYELI 3:7-8
5
INTSHUMAYELI 3:6
ukufuna kunexesha lako, ukulahlekelwa kunexesha lako; ukugcina kunexesha lako, ukulahla kunexesha lako
Explore INTSHUMAYELI 3:6
6
INTSHUMAYELI 3:14
Ndiyazi ke ukuba yonke into aya kuyenza uThixo, yiyo eya kuba ngonaphakade; kungòngezwa nto kuyo, kungàcatshulwa nto kuyo; uThixo ukwenzela ukuba koyikwe ebusweni bakhe.
Explore INTSHUMAYELI 3:14
7
INTSHUMAYELI 3:17
Ndathi mna entliziyweni yam, Nolilungisa nongendawo, uThixo uya kulithetha ityala labo; ngokuba umise ixesha layo yonke imicimbi, nazo zonke izenzo.
Explore INTSHUMAYELI 3:17
YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy
Home
Bible
Plans
Videos