YouVersion Logo
Search Icon

INTSHUMAYELI 4

4
Inxalenye yamashwa obu bomi
1Ndabuya ke mna, ndakubona konke ukucudisa okwenziwayo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabacudisiweyo, bengenamthuthuzeli; esandleni sabacusisi babo kuphuma ububhovubhovu, bengenamthuthuzeli bona. 2Ndabancoma ke mna abafileyo, abasebefe kade, kunabahleliyo abasahleliyo ngoku. 3Ke ulungile kunabo bobabini lowo ungekabikho, ungakubonanga ukwenza okubi okwenziwa phantsi kwelanga.
4Kananjalo ndayiqonda ke mna yonke imigudu, nayo yonke impumelelo yomsebenzi, ukuba ingumona wokwanyelana. Kwanaloo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya. 5Isinyabi sikhwabusha izandla, sidle kwaeyaso inyama. 6Kulungile ukuzalisa sandla sinye ngokuphumla, kunokuzalisa zozibini izandla ngemigudu nokusukelana nomoya.
7Ndabuya mna, ndabona amampunge phantsi kwelanga. 8Kukho oba yedwa, ongenaye owesibini, ongenanyana namzalwana; ingenasiphelo imigudu yakhe yonke, angahluthiyo noko bubutyebi amehlo akhe. Akatsho ukuthi, Ndaphukela bani na, ndiwuhlutha nje umphefumlo wam okulungileyo? Kwanaloo nto ingamampunge, ingumzamo ombi yona.
9Kulungile ukuba babe ngababini kunokuba abe mnye, kuba banomvuzo olungileyo ngemigudu yabo. 10Ngokuba xa bathe bawa, omnye unokumphakamisa uwabo; yeha ke, yena oyedwa, othe wawa! kuba akukho wesibini wokumphakamisa. 11Kananjalo ababini, bathe balala, baya kuva ukusitha; angáthini na ukuva ukusitha olele yedwa? 12Ukuba umntu uthe wamgagamela oyedwa, bona ababini baya kumisa phambi kwakhe; umsonto ontluntathu awuhle uqhawulwe.
13Ulungile umntwana olihlwempu elumkile, ngaphezu kokumkani oselemkhulu, esisidenge, ongasakuvayo ukuyalwa. 14Ngokuba uphuma endlwini yamakhonkxwa ukuba abe ngukumkani; ukanti uzalelwe ebukumkanini balowo ulihlwempu. 15Ndababona bonke abadla ubomi, behamba phantsi kwelanga kunye naye umntwana, lo ungowesibini, uza kuma esikhundleni salowo. 16Akukho kuphela kwabantu bonke, kwabo bonke angaphambi kwabo; ukanti amavela-mva akayi kuvuya ngaye. Ngokuba kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.

Currently Selected:

INTSHUMAYELI 4: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy