IINDUMISO 128
128
Intsikelelo yomzi ohlonela uThixo
Ingoma yezinyuko.
1Hayi, uyolo lwabantu bonke abamoyikayo uYehova,
Abahamba ngeendlela zakhe!
2Ukuxelenga kwezandla zakho inene ùya kukudla,
Ùya kuba noyolo wena, kulunge kuwe.
3Umkakho woba njengomdiliya oqhamayo
Endlwini yakho ngaphakathi;
Oonyana bakho babe njengezithole zomnquma
Ngeenxa zonke esithebeni sakho.
4Yabona, únjalo ukusikelelwa umfo
Omoyikayo uYehova.
5Makakusikelele uYehova eZiyon.
Uyibone iYerusalem inenyhweba
Yonke imihla yobomi bakho;
6Ubone abantwana babantwana bakho.
Malube luxolo kuSirayeli.
Currently Selected:
IINDUMISO 128: XHO75
Highlight
Copy
Compare
Share
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.