YouVersion Logo
Search Icon

UMALAKI 3

3
Umthunywa ozayo weNkosi uYehova
1Yabona, ndiya kuthuma umthunywa wam, agece indlela phambi kwam. Iya kuza ke ngesiquphe etempileni yayo iNkosi leyo niyifunayo; kwaumthunywa womnqophiso enimlangazelelayo, yabona, uyeza; utsho uYehova wemikhosi. 2Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yakuza kwakhe? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe? Ngokuba unjengomlilo womnyibilikisi, unjengesoda• yabaxovuli beengubo. 3Úya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere, abacoce oonyana bakaLevi, abahluze njengegolide, nanjengesilivere; babe ngabazìsa umnikelo kaYehova benobulungisa. 4Woba mnandi ke kuYehova umnikelo wakwaYuda nowaseYerusalem, ngokweemini zasephakadeni, ngokweminyaka yamandulo. 5Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna; utsho uYehova wemikhosi. 6Ngokuba mna, Yehova, andiguquguquki; ukuze ningagqitywa nje niphele, nina nyana bakaYakobi.
Izishumi nentsikelelo kaYehova
7Kususela kwimihla yoyihlo, nimkile emimiselweni yam, anayigcina. Buyelani kum, ndibuyele kuni; utsho uYehova wemikhosi. Nìthi ke, Síbuye ngokuthini na? 8Umntu angamqhatha na uThixo, ukuba nindiqhathe nje? Nithi ke, Sithéni na ukukuqhatha? 9Kwizishumi nemirhumo. Niqalekisiwe ngesiqalekiso; noko ke niphikéle ukundiqhatha, nina luhlangandini nonke niphela.
10Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithulùlele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho. 11Ndoyikhalimela inkumbi edlayo ngenxa yenu, ingazonakalisi iziqhamo zomhlaba wenu, ungaphunzi umdiliya wenu entsimini; utsho uYehova wemikhosi. 12Zonke iintlanga ziya kuthi ninoyolo, ngokuba niya kuba lilizwe elinanziweyo; utsho uYehova wemikhosi.
Uloyiso olupheleleyo lwamalungisa
13Amazwi enu andigixile, utsho uYehova. Nìthi ke, Sithethé ntoni na ngawe? 14Nìthi, Akunto yanto ukumkhonza uThixo; sizuzé ntoni na ngakuba sigciné isigxina sakhe, sahamba ngezimnyama zokuzila ngenxa kaYehova wemikhosi? 15Kaloku ke sithi banoyolo abakhukhumeleyo; àbaneli kwakheka abenzi bokungendawo; basuka bamcikide uThixo, basinde.
16Ke kaloku abamoyikayo uYehova bathetha elowo nowabo; uYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama lakhe. 17Uthi ke uYehova wemikhosi, Baya kuba yinqobo kum ngemini endenza oku, ndibaconge, njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo. 18Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi komkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.

Currently Selected:

UMALAKI 3: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy