YouVersion Logo
Search Icon

UMALAKI 2

2
1Ngoku ke lo mthetho ubhekiswa kuni, babingeleli. 2Ukuba anithanga niphulaphule, ukuba anithanga nikunyamekele ngentliziyo ukulizukisa igama lam, utsho uYehova wemikhosi ndonithumela isiqalekiso, ndiziqalekise iintsikelelo zenu; ewe, sendiziqalekisile, kuba ningàkunyamekeli ngentliziyo, 3Yabonani, ndiyayikhalimela ingalo yenu, nditshize ngomswane ebusweni benu, umswane wemithendeleko yenu, banithwale banisuse nawo; 4nazi ukuba ndinithumele lo mthetho, ukuba ube ngumnqophiso wam noLevi; utsho uYehova wemikhosi. 5Umnqophiso wam ubunaye uLevi, ububomi noxolo; ndamnika ezo zinto ukuba oyike. Wandoyika ke, waqhiphuka umbilini ngenxa yegama lam. 6Umyalelo wenyaniso waba semlonyeni wakhe, akwafumaneka bugqwetha emilebeni yomlomo wakhe; wahamba nam exolile, ethe tye, wabuyisa abaninzi ebugwenxeni. 7Kuba umlomo wombingeleli ngowokugcina ukwazi, umyalelo bawufune emlonyeni wakhe; ngokuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.
8Ke nina nimkile endleleni, nabakhubekisa abaninzi kuwo umyalelo, nawonakalisa umnqophiso kaLevi; utsho uYehova wemikhosi. 9Nam ndinenza abadelekileyo nabathobekileyo ebantwini bonke, ngokokuba ningàzigcinanga iindlela zam, nesuka nanonelela umntu emyalelweni.
Ukungcola kukaSirayeli
10Àkamnye na ubawo wethu sonke siphela? Àsidalwe Thixo mnye na? Yini na ukuba singinizelane, siwuhlambele umnqophiso woobawo bethu? 11Únginizile uYuda, kwenzeka amasikizi kwaSirayeli naseYerusalem; ngokuba uYuda uyihlambele ingcwele kaYehova ayithandayo, wazeka intombi yothixo wolunye uhlanga. 12Akwaba uYehova angamnqamla, kwindoda ekwenzayo oko, lowo ulindayo naló usabelayo ezintenteni zakwaYakobi, nozisa iminikelo kuYehova wemikhosi. 13Oku ke nikwenza okwesibini: ukugubungela isibingelelo sikaYehova ngeenyembezi, ngokulila, nangokuncwina, ade angabi sawubheka umnikelo, angabi samkela nto ikholekayo ezandleni zenu.
14Nìthi ke, Ngani na? Ngenxa yokuba uYehova ebelingqina phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho, lowo umnginizeleyo wena; kanti ke lidlelane lakho, ngumfazi womnqophiso wakho. 15Akubangakho namnye ukwenzayo oku, obenamasalela omoya. Ke wenza ntoni na omnye lowo? Wafuna imbewu yakwaThixo. Wugcineni ngoko umoya wenu, ungamnginizeli umfazi wobutsha bakho; 16kuba ndikuthiyile ukwala, utsho uYehova, uThixo kaSirayeli; ndimthiyile nogubungela ingubo• yakhe ngogonyamelo, utsho uYehova wemikhosi; wugcineni ke umoya wenu, ninganginizi.
17Nimdinisile uYehova ngamazwi enu. Nìthi ke, Simdinisé ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Bonke abenza okubi balungile emehlweni kaYehova, ubananzile yena; okanye nithi, Uphi na uThixo wokugweba?

Currently Selected:

UMALAKI 2: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy