YouVersion Logo
Search Icon

IiNtshaba Esijongene NazoSample

IiNtshaba Esijongene Nazo

DAY 2 OF 3

Umhlaba

Ukukrexeza ngokomoya kukuthi uzimanye ngeqhina lomtshato noKristu ube uthanda ezasemhlabeni. Kwiincwadi zeTestamente eNdala ziphela, uThixo ubhekisa kukukhonza kwamaSirayeli izithixo njengokukrexeza, kuba izithixo zabantu baKhe zamkhuthuza ukuzinikezela kwabo kuye. Ayenza njani amakholwa into yokuba abe nobudlelwane kunye nezomhlaba xa ebiziwe ukuba aphume kwezomhlaba? Siye satshutshiswa emhlambeni nomhlaba watshutshiswa sithi.

Njengamakholwa kufuneka sizijonge singangeni kubudlelwane obongekho mthethweni nomhlaba. Kumele senze konke esinakho ukuphepha ukuthanda ezomhlaba, ukungcoliseka zezomhlaba nokuthobela ezomhlaba, ukuze singakhaleli uMoya oyiNgcwele ube wona ujwaqeka sisikhwele kuba ufuna uthando lwethu.

Xa sithetha ngomhlaba ngale ndlela asibhekisi kule planethi yethu idaliweyo okanye kwihlabathi jikelele. Sithetha ngezinto ezayanyaniswa namasiko anwenwayo okungabi nathixo axhaphakileyo kuko konke okusingqongileyo – eza zenzo neza ngcamango zivelayo xa abantu bephantsi kolawulo lukaSathana. Kufanele sibathande abantu basemhlabeni njengoko uKristu esithanda, kodwa kufanele sisithiye isono.

Umthandazo: Bawo oThandekayo, ndiyaKubulela ngothando lwaKho. Usandithanda nangona bendihamba ngeendlela zeli lizwe. Yanga uthando lwaKho olungapheliyo lungahlala entliziyweni yam, ukuze ndibe nothando kwaye ndiphilele Wena wedwa. Ngegama likaYesu, Amen.

About this Plan

IiNtshaba Esijongene Nazo

Esi sicwangciso sokufunda seentsuku ezintathu sivula amehlo akho enyanisweni yokuba xa sinikezela ngobomi bethu kuThixo, singena edabini, silwe kunye nehlabathi, nezinto zokwenyama kunye nosathana. Nangona sidalwe ngokutsha kuKristu kwaye sifumene uMoya oyiNgcwele, kusafuneka sixhotyiswe ukuze sijongane neentshaba zokwenene.

More