UNAWO uMthandazo!Sample

UThixo Ufuna Ukukumamela
Esinye sezizathu ezininzi esenza umthandazo uthathwe njengento yokugqibela xa sijongene nemingeni sesokuba asimazi kakuhle uThixo. Sinento yokuphazama sicinge ukuba uThixo uchasele, akabhekisi mntwini akanamdla ebomini bethu. Phofu, inyaniso yeyokuba uThixo unomdla kakhulu ebomini bakho. Wakudalela ulonwabo lwakhe, kwaye ufuna ukusebenza ngaphakathi kuwe nangawe!
Umthandazo uchazeka lula njengonxibelelwano noThixo. Cinga ngobuhlobo onabo obusenyongweni kuwe. Ngokuqinisekileyo, loo mntu unawe xa umfuna, kodwa uthetha naye lonke ixesha, akunjalo? Nabelana ngobomi benu, akunjalo? Ke, uThixo ufuna ukuba ngoyena yena mhlobo wakho osenyongweni.Ungamxelela yonke into nantoni na, ungahleka naye ngezemini yakho, unganyaniseka kuye, ungayivakalisa iminqweno yentliziyo yakho kuye. Okusalayo yinto yokuba ufuna ukuyiva yonke into! UThixo unomnqweno omkhulu wokuba ube nonxibelelwano olufudumeleyo ngenkqu naye.
“Uyabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza. Ukuba umntu uyeva aze avule, ndiya kungena ndihlale naye, sitye kunye.” ISITYHILELO 3:20
UYesu uyankqonkqoza kumnyango weentliziyo zethu, efuna ixesha elinqabileyo lobudlelane ngenkqu. Ukuluvula nje ucango lwesicelo sikaYesu esinobubele sobudlelane sisiqalo sobomi bomthandazo ophumeleleyo, onamandla nonomvuzo ozele ziintsikelelo zikaThixo.
UThixo yinqaba yenene ebomini, kwaye ufuna ukusibonisa ukuthembeka nothando lwakhe – akukho mngeni mkhulu kangangokuba ungaze umoyise – akufunayo nje kukukumamela.
“Maxa onke thembelani kuye, bantundini, nizityand' igila kuye; kaloku uThixo yinqaba yethu.” IINDUMISO 62:8
Scripture
About this Plan

Fumana imithethosiseko yokwenza ubomi bokuthandaza obunamandla nobusebenzisekayo. Umthandazo – ukuthetha noThixo wena ngenkqu – sisitshixo sokubona inguqu eyakhayo ebomini bethu nakukosingqongileyo.
More
Related Plans

Drawing Closer: An Everyday Guide for Lent

EquipHer Vol. 24: "Who’s Economy Are You Working For?"

Made New: Rewriting the Story of Rejection Through God's Truth

EquipHer Vol. 26: "How to Break the Cycle of Self-Sabotage"

Slaying Giants Before They Grow

Ruth: A Story of Choices

Finding Strength in Stillness

Time Reset for Christian Moms

Conversation Starters - Film + Faith - Forgiveness, Mentors, Tornadoes & More
