U‐Yisaya 4
4
1Amankazana asixe̔nxe aya kubamba indoda inye ngalomhla, esiti: Esetu isonka siya kusidla, nezetu izivato siya kuzambata, kupela masibizwe ngegama lako, kususwe ihlazo letu.
2Ngawo umhla lowo isebe likayehova loba lelobuhle nelobungcwalisa, nesiqa̔mo somhlaba soba sesendluliselo nesenkazimlo kwabasindileyo bakwa‐Sirayeli. 3Kwakuya kuti, oshiyiweyo e‐Ziyone, noseleyo e‐Yerusaleme, kwotiwa uyingcwele; osukuba eba̔lelwe ubomi e‐Yerusaleme. 4Nxa inkosi ikuhlanzile ukunco̔la kwentombi zase‐Ziyone, negazi lase‐Yerusaleme ilihlambulule pakati kwayo, ngomoya wokugweba nangomoya wokutshisa: 5uya kwandula uyehova ukudala pezu kwazo zonke intlalo zasentabeni ye‐Ziyone, napezu kwendawo zayo zokuhlanganisela, ilifu nomsi ngemini, nokukazimla kwomlilo odangazelayo ngobusuku: ngokuba pezu kwabo bonke ubungcwalisa kuya kubako isigubungelo. 6Kwobako nentente ibe ngumtunzi ngemini ngenxa yokufudumala, nendawo yokupepela neyokufihlela ngenxa yesipango nangenxa yemvula.
Currently Selected:
U‐Yisaya 4: XHO1902A
Highlight
Copy
Compare
Share
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.