Bible App logo
Search Icon

Eyokuqala yezikronike 8

8
1KEKALOKU u‐Benjamine wazala u‐Bela owamazibulo wake, u‐Ashebele owesibini, no‐Ahara owesitatu, 2u‐Noha owesine, no‐Rafa owesihlanu. 3Nonyana baka‐Bela bebengaba: u‐Adari, no‐Gera, no‐Abihude, 4no‐Abishuha, no‐Nahamane, no‐Ahoha, 5no‐Gera, no‐Shefufane, no‐Hurame. 6Naba bangonyana baka‐Ehudi: aba bazintloko zendlu zoyise zabemi base‐Geba, ababefuduselwa e‐Manahate: 7kwa u‐Nahamane, no‐Ahiya, no‐Gera, wabafudusa yena; waza wazala u‐Huza, no‐Ahihude. 8Kanjalo u‐Shaharayime wazala abantwana elizweni le‐Mowabi, emvenikweni abebandulule, ngo‐Hushime no‐Bahara abafazi bake. 9Wayezala ngo‐Hodeshe umfazi wake, u‐Jobabe, no‐Tsibiya, no‐Mesha, no‐Malekame, 10no‐Yehutse, no‐Shakiya, no‐Mirema: aba bebengonyana bake, intloko zendlu zoyise. 11Nango‐Hushime wazala u‐Abitube, no‐Lepali. 12Onyana baka‐Lepali: ngu‐Hebere, no‐Mishame, no‐Shamedi, owakayo i‐Ono, ne‐Lodi namagxamesi ayo; 13kwa no‐Beriha, no‐Shema, abebezintloko zendlu zoyise zabemi base‐Ajalone, abagxotayo abemi base‐Gate. 14Kanjako u‐Ahiyo, u‐Shashaki, no‐Jeremote, 15no‐Zebadiya, no‐Haradi, no‐Hadere, 16no‐Mikaheli, no‐Yisepa, no‐Yoha, bebengonyana baka‐Beriha: 17u‐Zebadiya, no‐Meshulame, no‐Hezeki, no‐Hebere, 18no‐Shimerai, no‐Yezeliya, no‐Jobabe, bebengonyana baka‐Lepali: 19u‐Yakime, no‐Zikeri, no‐Zabedi, 20no‐Elihenai, no‐Tsiletai, no‐Eliyeli, 21no‐Hadaya, no‐Beraya, no‐Shimrate, bebengonyana baka‐Shimehi: 22u‐Shipane, no‐Hebere, no‐Eliyeli, 23no‐Habedoni, no‐Zikeri, no‐Hanane, 24no‐Hananiya, no‐Helami, no‐Hanatotiya, 25no‐Fideya, no‐Penuweli, bebengonyana baka‐Shashaki: 26u‐Shamsherai, no‐Shehariya, no‐Hataliya, 27no‐Yareshiya, no‐Eliya, no‐Zikeri, bebengonyana baka‐Yerohame. 28Aba bebezintloko zendlu zoyise, ngezizukulwana zabo, inkosi. Aba bahlala e‐Yerusaleme.
29Nase‐Gibeyone wahlala uyise we‐Gibeyone: igama lomfazi wake lalingu‐Mahaka: 30nonyana wake wamazibulo, ngu‐Habedoni; nabanye, ngu‐Tsure, no‐Kishe, no‐Bali, no‐Nadabi, 31no‐Gedore, no‐Ahiyo, no‐Zakere. 32Waye u‐Mikelote wazala u‐Shimeha. Bati ke naba bahlala nabazalwana babo e‐Yerusaleme, malungana nabazalwana babo. 33Kekaloku u‐Nere wazala u‐Kishe; no‐Kishe wazala u‐Saule; no‐Saule wazala u‐Jonatane, no‐Maleki‐shuha, no‐Abinadabi, no‐Shebali. 34Nonyana ka‐Jonatane ebengu‐Meribi‐bali; waza u‐Meribi‐bali wazala u‐Mika: 35nonyana baka‐Mika bebengaba: u‐Pitone, no‐Meleke, no‐Tareha, no‐Ahazi. 36Waye u‐Ahazi wazala u‐Yohada; no‐Yohada wazala u‐Halemete, no‐Hazamaveti, no‐Zimri; wati u‐Zimri wazala u‐Motsa; 37no‐Motsa wazala u‐Bineha; u‐Rafa ebengunyana wake; u‐Elehasa ebengunyana wake; u‐Atsele ebengunyana wake. 38Kekaloku u‐Atsele ebenonyana batandatu, abamagama angala: u‐Zarikame, u‐Bokeru, no‐Shimayeli, no‐Shehariya, no‐Hobadiya, no‐Hanane: bonke aba bangonyana baka‐Atsele. 39Nonyana baka‐Hesheki umninawe wake, ngu‐Wulame owamazibulo wake, no‐Yehushe owesibini, no‐Elifelete owesitatu. 40Baye onyana baka‐Wulame bebengamadoda angamaṙoti akalipileyo, abatyeda isipeta; bebenabo onyana abaninzi, nonyana bonyana, ikulu linamashumi mahlanu. Bonke aba bangabonyana baka‐Benjamine.

Highlight

Copy

Compare

Share

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in