YouVersion Logo
Search Icon

UZAKARIYA 9

9
Iintshaba zikaSirayeli ziyagwetywa
1Nalu udaba olindilisekileyo,
nditsho ilizwi *likaNdikhoyo
elichasene nelizwe laseHadraki.
Lona luya kuyifikela iDamasko,
kuba kaloku amehlo kaNdikhoyo akuluntu lonke,
nkqu nazo zonke izizwe zikaSirayeli.
2Luza kuyifikela iHamati esemideni,
lutsho kwiTire neSidon,
nangona zilumkile kakhulu.
3ITire yona izakhele inqaba.
Isiliva iyifumbe ngathi luthuli,
igolide ngathi yinkunkuma yesitalato.
4UNdikhoyo uza kuyohlutha yonke into enayo,
awaphelise amandla enawo elwandle.
Yosuka ilenywe ngumlilo.
5IAshkelon yobona inkwantye,
iGaza izibhija-bhije ikhwina ziintlungu.
Nethemba le-Ekron ngokwayo lovuthuluka.
IGaza yona yophulukwa yikumkani yayo,
iAshkelon itsho ilil' ibhungane.
6IAshdode yomiwa yimigqakhwe;
ndolinqamla ikratshi lamaFilistiya.
7Ndiya kuyihlutha inyama enegazi emilonyeni yabo,
ndiyikhuphe phakathi kwamazinyo abo inyama engumnikelo kwizithixo.
Amasalela abo oba ngakaThixo wethu,
abe ngathi yenye yezindlu zikaJuda,
iEkron yona ifane namaJebhusi.
8Ndoyikhusela indlu yam kumkhosi oyayo nobuyayo,
kungabi sabakho mbandezeli odlula phakathi kwabo.
Kaloku bajongwe ndim ngoku.
Ukuza kokumkani
9Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!
Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!
Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,
ethobekile, ekhwele idonki,
nditsho ithole, inkonyane yedonki.
10Ndiya kuzohlutha iinqwelo zokulwa kwaEfrayim,
namahashe emfazwe eJerusalem,
ke lona utolo lwemfazwe ndiluvikive.
Ukumkani wovakalis' uxolo ezizweni,
ulawulo lwakhe loziqhakamishel' iilwandle;
luya kusuka kumlambo iEfrati,
luye kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi.
Ibuyambo
11Ke nina okunokwenu
ngenxa yegazi lomnqophiso
ndobakhulula abantu bakowenu abangamabanjwa,
baphume emhadini ongenamanzi.
12Buyelani kuyo inqaba, nina mabanjwa anikwe ithemba.
Namhlanje ndiyanazisa:
ndonibuyisela ngokuphindiweyo.
13Kuba uJuda ndimbhetya okwesaphetha,
uEfrayim yena abe litolo lam.
Ndophekuza ngoonyana bakho, Ziyon,
babe njengekrele legorha,
ndibalekuze oonyana bakho, lizwe lamaGrike.
14UNdikhoyo uya kuvela phezu kwabo,
utolo lwakhe lumenyeze njengombane,
itsho ngexilongo iNkosi uNdikhoyo,
ingqishe okwezaqhwithe zasezantsi.
15UNdikhoyo onamandla onke wobakhusela,
batsho bazitshabalalise iintshaba zabo ngamatye *eenkwitshi,
benze intswahla okwabasele iwayini.
Boba yinyhididi ligazi lotshaba,
bafane nezitya ezizele ligazi ledini,
nqwa neekona zeqonga lamadini mhla ngomnikelo.
16Ngaloo mini ke uNdikhoyo uThixo wabo wobasindisa.
Kaloku bona baba ngabantu abangumhlambi wakhe.
Bobengezela elizweni lakhe
oku kwamatye exabiso ahombisa isithsaba.
17Hayi ukuba nomtsalane nokuba kuhle kwelo lizwe!
Ingqolowa yobatsho babe nenkqubela abafana,
namagqiyazana abe njalo yiwayini entsha!

Currently Selected:

UZAKARIYA 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy