YouVersion Logo
Search Icon

UZAKARIYA 8

8
Ukusikelelwa kweJerusalem
1Laphinda lafika ilizwi *likaNdikhoyo onamandla onke lisithi: 2“Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Ndinekhwele elikhulu ngeZiyon; ewe, ikhwele lam lishushu ngakuyo.”
3Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ndiza kubuyela eZiyon, ndime eJerusalem. IJerusalem kothiwa sisixeko senyaniso, ke yona intaba kaNdikhoyo onamandla onke kothiwa yintaba engcwele.”
4Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ezitalatweni kuya kubakho amaxhego namaxhegokazi atotobayo, elowo ephethe umsimelelo esandleni sakhe, 5kananjalo izitalato zizale ngamakhwenkwe namantombazana adlala kuzo.”
6Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Inokubonakala ingummangaliso kumasalela abantu ngelo xesha, kodwa ingaba ingummangaliso na kum, mna Ndikhoyo onamandla onke?” Ewe, utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: 7“Abantu bam ndiya kubahlangula kuloo mazwe asempuma nasentshona. 8Ewe, ndobabuyisa beze kuma eJerusalem. Bona baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo, ndinyaniseke kubo, ndibaphathe ngobulungisa.”
9Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Maziqine iingalo zenu, niyakhe indlu yonqulo, nina eniwevayo la mazwi athethwayo ngabashumayeli ababekho xa kwakubekwa isiseko sendlu kaNdikhoyo onamandla onke. 10Ngaphambi kwelo xesha bekungekho mali yakuqesha mntu okanye silwanyana. Wonke umntu ohambayo ebesemngciphekweni weentshaba. Kaloku ndabenza abantu bonke elowo achasane nommelwane wakhe. 11Kambe ke ngoku amasalela abantu bam andiyi kuwaphatha njengoko ndênjenjalo mandulo,” utsho uNdikhoyo onamandla onke. 12“Imbewu iya kukhula kakuhle, izidiliya zivelise iziqhamo, umhlaba unike isivuno, izulu lihlise umbethe. Zonke ke ezi zinto ndiya kuzinika zibe lilifa kumasalela aba bantu. 13Bantu bakwaJuda nakwaSirayeli, benisoloko nisisigculelo seentlanga, kodwa ke ngoku ndiza kunihlangula nitsho nibe yintsikelelo. Ngoko ke yomelelani, izandla zenu zingawi.”
14Kaloku utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ngokuya babendicaphukisile ooyihlo ndazimisela ukubazisela isithwakumbe. Ewe, zange ndiyijike loo nto ndada ndabe ndiyenzile,” utsho uNdikhoyo onamandla onke. 15“Kambe ke ngoku ndizimisele ukuyenzela okulungileyo iJerusalem nendlu kaJuda. Ngoko ke musani ukoyika. 16Nazi ke izinto emanizenze: Thethani inyaniso omnye komnye. Gwebani ngobulungisa ezinkundleni zenu, nditsho ubulungisa obuzala uxolo. 17Sanukuceba amayelenqe ngabamelwane benu, ningakuthandi ukufunga ubuxoki. Kaloku mna ndizithiyile zonke ezi zinto,” utsho uNdikhoyo.
18Lafika kum ilizwi likaNdikhoyo onamandla onke lisithi: 19“Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Inzila yokudla yenyanga yesine, eyesihlanu, eyesixhenxe, neyeshumi, ziya kuba ngamatheko ovuyo nemincili kwaJuda. Ngoko ke yithandeni inyaniso noxolo.”
20UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Kuya kuza izizwe nabemi bezixeko ezininzi, 21bathi abemi besinye isixeko baye kwesinye besithi: ‘Masihambe kwangoku siye kumbongoza uNdikhoyo, simnqule uNdikhoyo onamandla onke; nam ngokwam ndiya kuhamba.’ 22Izizwe ezininzi neentlanga ezinamandla ziya kuza eJerusalem, khon' ukuze zimnqule zimbongoze uNdikhoyo onamandla onke.”
23Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ngaloo mihla ke ishumi lamadoda kwiilwimi zonke zeentlanga zoqokelelana kumJuda omnye, zibambelele esondweni lengubo yakhe, zithi: ‘Sifuna ukuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.’ ”

Currently Selected:

UZAKARIYA 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy