YouVersion Logo
Search Icon

UZAKARIYA 7

7
Okufunekayo kukunyaniseka ngaphezu kokuzila ukutya
1Ke kaloku ilizwi *likaNdikhoyo lafikela uZakariya ngomhla wesine kwinyanga yethoba uKislevu, kunyaka wesine wolawulo lukakumkani uDariyo. 2Abantu baseBhetele bathumela uSherezere noRegem-meleki namanye amadoda ukuba baye endlwini kaNdikhoyo, bathandazele intsikelelo kaNdikhoyo, 3babuze kubabingeleli bendlu kaNdikhoyo onamandla onke *nakubashumayeli, bathi: “Ngaba kusafuneka siqhubele phambili silile, sizile nokutya na, nangale yesihlanu inyanga, njengoko siqhele ukwenza iminyaka ngeminyaka?”
4Ilizwi likaNdikhoyo onamandla onke lafika kum lisithi: 5“Baxelele bonke abantu beli lizwe, ngokunjalo nababingeleli, uthi: ‘Ngokuya benizila ukutya nilila kwinyanga yesihlanu neyesixhenxe, kule minyaka imashumi asixhenxe idlulileyo, ngaba benizila ukutya nizilela mna ngqo? 6Xa benisitya nisela beningenzeli ezenu iziqu isidlo? 7Asingawo la amazwi kaNdikhoyo awabhengezwa ngabashumayeli bamandulo, xenikweni iJerusalem needolophu eziyingqongileyo bezimiwe ngabantu zinenkqubela, nditsho zona kunye nelasezantsi namathambeka asentshonalanga?’ ”
8Ilizwi *likaNdikhoyo liphinde lafika kuZakariya lisithi: 9“Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Wisani izigwebo ezinyanisekileyo, nenzelane ububele nenceba omnye nomnye. 10Musani ukubacinezela abahlolokazi neenkedama, ngokunjalo nabangeneleli kunye namahlwempu, ningayili ububi ezintliziyweni zenu omnye komnye.’
11“Kodwa zange bavume ukundiphulaphula, suka baneenkani, bandifulathela, neendlebe zabo bazivingca. 12Ewe, iintliziyo zabo zasuka zaba lukhuni okwenyengane, abavuma ukuwaphulaphula amazwi kaNdikhoyo onamandla onke, lawo wayewathumele ngoMoya wakhe *kubashumayeli bamandulo. Ngoko ke uNdikhoyo onamandla onke waba nomsindo.
13“UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ndathi ndakuthetha abaphulaphula; ngoko ke nabo bathi bakukhala andasabela. 14Ndasuka ndabachitha-chitha ngesaqhwithi, bathi saa ezizweni, baba ziimbacu. Ilizwe labo lasala libharhile, kungekho nomntu lo ongenayo nophumayo. Kwaba njalo ke ukulibharhisa kwabo ilizwe elihle.’ ”

Currently Selected:

UZAKARIYA 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy