YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 5

5
Abakholwayo baseluxolweni noThixo
1Njengoko sikholwa, sígwetyelwe nguThixo, sinoxolo naye ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu. 2Kaloku sibe nako ukungena ngoKrestu ngokukholwa kolu babalo sikulo. Siyaqhayisa ke sithembe ukuba nenxaxheba ebuqaqawulini bukaThixo. 3Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. 4Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba. 5Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo. 6Kuba kaloku oko besisengama-athalala, uKrestu uthe ngexesha elimiswe nguThixo, wabafela abangamhloneliyo uThixo. 7Inqabile into yokuba umntu afele omnye, naxa mhlawumbi anokubhaqeka umntu onesibindi sokufela umntu olungileyo. 8Ke yena uThixo ukuqondakalisile ukusithanda kwakhe ngokuthi uKrestu asifele sisengaboni! 9Sigwetyelwe nje ngenxa yegazi lakhe, kokukhona siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo kaThixo. 10Kaloku besikade siziintshaba noThixo, saxolelaniswa naye ngokufa koNyana wakhe. Kobeka phi ke ukusindiswa kwethu ngokudla kwakhe ubomi! 11Ngaphezu koko ke, sineqhayiya novuyo ngaye uThixo, ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu, esithe ngayo saxolelaniswa noThixo.
Ukufa kuze ngoAdam, ubomi ngoKrestu
12Njengoko isono sangena ehlabathini ngenxa yomntu omnye, ukufa kwangena ngaso isono. Ngokunjalo ke nokufa kwalutyhutyha lonke uluntu, kuba bonke abantu bôna. 13Isono ke sabakho ehlabathini ungekabikho *umthetho kaMosis. Ke, apho kungekho mthetho, isono sokwaphula umthetho asinakubalelwa mntwini. 14Ke ukufa kwakutshatshele ukususela kuAdam kwada kwaya kuthi gaa kuMosis, nakwabo basono singafani nesika-Adam. Lo Adam ke wayengumfuziselo waloo Mntu wayeza kufika.
15Kodwa isono sika-Adam asinakulinganiswa nesisa sikaThixo. Kaloku naxa kwafa abantu abaninzi nje ngenxa yesono salowo mnye unguAdam, lona ubabalo lukaThixo esalufumana ngaloo mntu mnye unguKrestu, lwaphuphumela kubantu abaninzi ngakumbi. 16Kanti ke isiqhamo sesipho sikaThixo asinakulinganiswa nesiphumo sesono saloo mntu. Kaloku isiphumo sesono saloo mntu saba kukugwetywa, kodwa isiqhamo sesisa sikaThixo esabakho ngenxa yezono ezininzi, saba kukukhululwa kwabantu. 17Ukuba ukufa kwakutshatshele ngenxa yesono saloo mntu, abo balwamkelayo ubabalo oluphuphumayo kwanesipho sokwenziwa amalungisa, baya kudla ubomi ngokugqithisileyo ngaloo mntu mnye unguYesu Krestu.
18Ngako ke, njengokuba kwathi ngasono sinye, bonke abantu bagwetywa, ngokunjalo kuya kuthi nangesenzo esinye esilungileyo, bonke abantu bagwetyelwe, badle ubomi. 19Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva kwalowo mnye unguAdam, abaninzi bafumaneka bengaboni, ngokunjalo kuya kuthi nangokuthobela kwalowo mnye unguKrestu, abaninzi benziwe amalungisa.
20Ke kaloku wakungena umthetho kaMosis, isono sanda. Kodwa apho kwânda khona ukona, lwaphuphuma ngakumbi ubabalo asibabala ngalo uThixo. 21Njengokuba ke isono salawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lulawula ngokwenziwa kwethu amalungisa nguThixo. Lonu lusikhokelela ebomini obungonaphakade ngenxa kaYesu Krestu iNkosi yethu.

Currently Selected:

KWABASEROMA 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy