YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 14

14
AmaKrestu makangagwebi
1Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe. 2Omnye ukholo lwakhe lumvumela ukuba atye nakuphi na ukutya, kodwa yena okholo lubuthathaka utya imifuno kuphela. 3Lowo utya konke makangamdeli ozila ukutya okuthile, nalowo uzila ukutya okuthile makangamgwebi otya konke, kuba uThixo umamkele. 4Yini na wena ukuba usigwebe isicaka somnye? Kaloku siya kugwetywa yinkosi yaso. Kanti notyayo akayi konakalelwa nto, kuba iNkosi inako ukumgcina.
5Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo. 6Lowo ke ugcina umhla othile, uwugcinela iNkosi. Lowo utya nakuphi na ukutya, esitya nje, uzinikela eNkosini, kuba ubulela uThixo. Nalowo ungatyi konke ukutya, engatyi nje, uzinikela eNkosini, kuba naye ubulela uThixo. 7Akukho namnye kuthi uziphilelayo, kananjalo akukho namnye uzifelayo. 8Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi. 9Kuba kaloku uKrestu wafa, wabuya wadla ubomi, ngenjongo yokuba abe yiNkosi yabafileyo nabaphilayo. 10Wena ke, yini ukuba umgwebe uwenu? Ke wena, yini na ukuba umdele uwenu? Kaloku sonke siya kuma enkundleni kaThixo, 11kuba *iziBhalo zithi:
“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.”
12Ngoko ke sonke ngabanye siya kunika ingxelo phambi koThixo.
Ungamkhubekisi umwenu
13Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu. 14Ndimanywe neNkosi uYesu nje, ndazi ngokuqinisekileyo ukuba akukho nanye into engàtyiwayo ngokunokwayo. Kodwa kulowo uthi into ayityiwa, ayityiwa ke. 15Ukuba uyamhlungisa umwenu ngento osukuba uyitya, inkqubo yakho ayiseyiyo eyothando. Musa ukuthi ngenxa yokutya okutyayo umtshabalalise lowo uKrestu wamfelayo. 16Inkululeko eninayo ekuzikhetheleni ukutya mayingabangi kungcikivana. 17Kaloku ukukholisa uThixo akungakutya nakusela; kodwa kukwenza ubulungisa, sinoxolo novuyo, silawulwa nguMoya oyiNgcwele. 18Owenjenjalo ke ukhonza uKrestu, ukholekile kuThixo, waye usulungekile emehlweni abantu.
19Ngoku ke masizondelele izinto zoxolo nezokwakhana. 20Musa ukuthi ngenxa yokutya uwuchithe umsebenzi kaThixo. Okunene konke ukutya kunyulu, kodwa kuba yinto embi kulowo uthi ngenxa yokutya abe sisikhubekiso komnye. 21Kulungile ukuba ungatyi nyama, ungaseli tywala, ungenzi nantoni na engámkhubekisayo umwenu. 22Unaluvo luthile na ngale ndawo yokutya? Hlala unalo ke phambi koThixo! Uyavuya lowo ungenasazela ngento ayityayo! 23Kodwa ke lowo uthandabuzayo xa atyayo, selegwetyiwe, kuba akatyi ekholwa. Yonke ke into ayenzayo umntu engaqinisekanga ukuba iyamkholisa uThixo isisono.

Currently Selected:

KWABASEROMA 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy