YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 12

12
Umfazi negongqongqo
1Kwavela umqondiso ocacileyo esibhakabhakeni – umfazi wayambethe ilanga, inyanga isezinyaweni zakhe, nesithsaba seenkwenkwezi ezilishumi elinambini simthe jize intloko. 2Wayekhulelwe, ekhala ziintlungu zokubeleka.
3Kuvele omnye umqondiso esibhakabhakeni. Kuthe gqi igongqongqo elibomvu krwe. Lalineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi; linezithsaba ezisixhenxe kwezo ntloko. 4Umsila walo wavuthulula isiqingatha sesithathu seenkwenkwezi, waziwisela phantsi emhlabeni. Igongqongqo lema ngaphambi kwalo mfazi wayeza kubeleka, ukuze luluthi bimbilili usana olo xa luvelayo. 5Umfazi lowo wazala umntwana oyinkwenkwe, owayemiselwe ukuzilawula ngegunya elingqongqo zonke iintlanga. Kodwa olo sana lwathiwa xhwi lwasiwa ewongeni kuThixo ohleli kwibhotwe lakhe. 6Umfazi yena wabalekela entlango apho wayelungiselelwe indawo khona nguThixo. Wahlala apho egcinakele amakhulu alishumi elinambini namashumi amathandathu eentsuku.
7Kwabakho idabi ezulwini. UMikayeli nezithunywa zakhe balihlasela igongqongqo. Lazilwela nalo kunye nezithunywa zalo. 8Kodwa loyiswa, laza laphelelwa yindawo ezulwini. 9Ke igongqongqo – inyoka endala eyakhohlisa uluntu luphela, uSathana, umtyholi – laphoswa ezantsi emhlabeni kunye nezithunywa zalo.
10Kuvakele ilizwi lidanduluka livela ezulwini lisithi: “Luthwasile ngoku uloyiso negunya nolawulo lukaThixo wethu. Lithwasile ngoku igunya lomthanjiswa wakhe uKrestu. Kaloku umtyholi lo wayesoloko ewamangalela ubusuku nemini amawethu phambi kukaThixo wethu, ukhutshelwe ngaphandle ezulwini.” 11Bamoyisile ngamandla edini leXhwane nangenyaniso kaThixo ebebekade beyingqinela, bengoyiki ukububeka esichengeni ubomi babo. 12Memelelani ke ngoko, mazulu kwakunye nabo bahlala khona! Kodwa, hayi ishwangusha elisemhlabeni naselwandle! Kaloku umtyholi uze kuzo egragrama ngumsindo, kuba uyazi ukuba selephelelwe lixesha.
13Lithe igongqongqo lakuqonda ukuba lilahlelwe emhlabeni, laphuthuma kulaa mfazi wayezele umntwana oyinkwenkwe. 14Kodwa wayenikwe amaphiko afana nawokhozi umfazi, ukuze abhabhele entlango apho wayeza kugcinakala khona iminyaka emithathu enesiqingatha engenakuhlaselwa ligongqongqo, inyoka endala. 15Ke lona igongqongqo, inyoka leyo, lahlanza umlambo wamanzi emva komfazi lowo ukuze akhukuliswe. 16Suka umhlaba wona wamnceda umfazi. Wavuleka, wawaginya loo manzi ayephume kwelo gongqongqo. 17Lamxhiba umfazi, lahamba laya kusikhuphela kwinzala yakhe eso sixhiba, engabo bonke abo bathobela imithetho kaThixo, bebambelele kwiimfundiso zikaYesu. 18Lafana lee nkamalala apho elunxwemeni igongqongqo.

Currently Selected:

ISITYHILELO 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy