YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 11

11
Amangqina amabini
1Ke kaloku ndanikwa ingcongolo ende yokulinganisa, kwathiwa: “Hamba uye kulinganisa *indlu kaThixo, neqonga lamadini, ubale nabo banqulayo. 2Ke yona inkundla engaphandle uze ungazihluphi ngayo, kuba inikezelwe ezintlangeni. Zona ke ziya kusixusha ngeenyawo isixeko esingcwele isithuba esingangeenyanga ezingamashumi amane anambini. 3Ngokunjalo ndiya kumisa amangqina amabini, ukuze avakalise udaba. Ngazo zonke ezo ntsuku zilishumi elinambini lamakhulu, mashumi omathandathu, aya kuba enxibe ezirhwexayo zokuzila.”
4La mangqina ke yiminquma emibini, kunye nezibane ezibini ezimi phambi kweNkosi yehlabathi. 5Ukuba kukho bani ufuna ukuwenzakalisa, emlonyeni wawo kuya kuphuma umlilo ulutshabalalise olo tshaba. Uya kufa ngolo hlobo ke umntu ofuna ukuwenzakalisa la mangqina. 6Ewe, aya kuba namagunya okusivala isibhakabhaka ingani imvula ngexesha lokuvakalisa kwawo udaba lukaThixo. Futhi anawo amagunya okuwajika amanzi abe ligazi; ihlabathi liphela aya kuba namagunya okulihlisela izibetho ngezibetho ngokuthanda kwawo.
7La mangqina aya kuthi akuba egqibile ukuluvakalisa udaba olo, kuphume irhamncwa enzonzobileni. Lona ke liya kulwa nawo liwabulale. 8Imizimba yawo iya kuqungquluza esitalatweni sesixeko esikhulu, apho yaxhonywa khona emnqamlezweni iNkosi yawo. Esi sixeko sifuziselwa yiSodom okanye iJiputa. 9Imizimba yala mangqina iya kuhlala apho iintsuku ezintathu ezinesiqingatha, baze abantu bezizwe ngezizwe, iintlanga ngeentlanga, neelwimi ngeelwimi, beze kuyibona, bangavumi ukuba ingcwatywe. 10Ukufa kwaba babini kuya kuba yinto emnandi ebantwini behlabathi. Baya kwenza itheko, banikane izipho. Kaloku la mangqina aya kubangcungcuthekisa abantu behlabathi. 11Emva kweentsuku ezintathu ezinesiqingatha uThixo wawaphefumlela la mangqina avuka, baza bonke abayibonileyo loo nto barhwaqela. 12Kwavakala umkhwazo ophuma ezulwini usithi kuwo: “Nyukani nize apha!” Zathi zisabukele iintshaba zawo, anyukela ezulwini ngelifu. 13Kanye ngawo loo mzuzu kwabakho inyikima eyoyikekayo, saza isahlulo seshumi sesixeko eso satshabalala. Kwafa abantu abangamawaka asixhenxe. Abaseleyo bangenwa lunkwantyo, baza badumisa ubukhulu boThixo osezulwini.
14Ngoku lidlule ishwangusha lesibini, kambe ke liyeza elesithathu kamsinya!
Ixilongo lesixhenxe
15Ngokunjalo nesesixhenxe isithunywa salikhalisa ixilongo, kwaza kwavakala imikhwazo ezulwini, isithi: “Ngoku ihlabathi liza kulawulwa yiNkosi kunye noMthanjiswa wayo uKrestu, yaye ke iya kulawula kude kube ngunaphakade kanaphakade.” 16Kananjalo amashumi amabini anesine amadoda amakhulu athe nqadalala phambi koThixo, athi qubudu phambi kwakhe, anqula embonga, 17esithi:
“Siyakubulela, Nkosi Thixo uSomandla,
wena Ndikhoyo owayekho kakade,
kuba uwathathele kuwe amagunya, walawula!
18Izizwe zagragrama;
ke yona imini yempindezelo ifikile,
abafileyo baza kugwetywa.
*Abashumayeli, izicaka zakho, baza kwamkela,
usapho lwakho, abakhulu kwanabanci, bebonke abakuthobelayo.
Ewe, lifikile ixesha lokubatshabalalisa abo batshabalalisa ihlabathi!”
19Yasuka yavuleka *indlu kaThixo esezulwini. Yatsho yabonakala ityesi yomnqophiso. Ngokunjalo ke kwabakho nezabhokwe zemibane, intswahla, ukugqekreza kweendudumo, nonyikimo-mhlaba, kunye nemvula yesichotho.

Currently Selected:

ISITYHILELO 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy