YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 10

10
Isithunywa nencwadana
1Ke kaloku ndabona enye ingwanyalala yesithunywa isihla iphuma ezulwini. Sasithiwe wambu lilifu, intloko yaso ithiwe thande ngumnyama. Ubuso babubengezela ngathi lilanga. Yona imilenze yayingathi ziintsika zomlilo. 2Esandleni sasiphethe incwadana, ivuliwe. Sasingxabalazile, unyawo lokunene lumi elwandle, olwasekhohlo lusemhlabeni. 3Sakhwaza ngelizwi elingathi ngumgqumo wengonyama. 4Emva kwaloo mkhwazo kwaphendula izithonga ezisixhenxe zendudumo. Ndithe xa ndiza kuyibhala into eyayithethwa ziindudumo ezisixhenxe, ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Into ethethwa ziindudumo musa ukuyibhala, ilihlebo.”
5Isithunywa eso besingxabalazile ndasibona sisiphakamisela ezulwini isandla saso sokunene. 6Safunga uSonini-nanini, owadala izulu nehlabathi, ulwandle nezinto zonke ezilapho kuzo, sathi: “Ixesha limkile! 7Liya kuthi lakufika ithuba lokuba isithunywa sesixhenxe sikhalise ixilongo laso, icebo elingaziwa mntu likaThixo lifezekiswe, kanye njengoko wayethembisile kwizicaka zakhe ezazivakalisa udaba.”
8Kwakhona ilizwi elaliphuma ezulwini ndaliva lisithi kum: “Yiya uyithathe incwadi leyo ivulekileyo iphethwe sisithunywa esingxabalazele phezu kolwandle nomhlaba.”
9Ndiyile, ndacela ukuba isithunywa sindinike incwadana leyo. Sithe ke sona: “Yithathe uyitye. Yona yofana nobusi emlonyeni, kodwa iya kukuqumbela.”
10Ndayithatha ke esandleni sesithunywa eso ndayitya. Okunene yaba mnandi njengobusi emlonyeni, kodwa ndithe ndakuyiginya ndaqunjelwa. 11Ndaxelelwa kwathiwa: “Kwakhona kufuneka uvakalise udaba lukaThixo olumayela nezizwe ngezizwe, iintlanga ngeentlanga, iilwimi, nezikumkani.”

Currently Selected:

ISITYHILELO 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy