YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 94

94
UThixo umgwebi woluntu
1*Ndikhoyo, Thixo ongumgwebi,
wena Thixo ophindezelayo, zibonakalise.
2Lamla, wena mgwebi woluntu;
babuyekeze kwangezitya zabo abantw' abazingcayo!
3Koda kube nini na, Ndikhoyo,
koda kube nini kakade esivuyelela amatshijolo?
4Koda kube nini eqhayisa;
koda kube nini ezidla ngokungcola kwawo?
5Ayababulala abantu bakho, Ndikhoyo;
ayawucinezela umzi wakho amatshijolo.
6abandezele abahlolokazi neenkedama,
abulale nabantu basemzini.
7Ade athi: “Akaboni nto uNdikhoyo;
akaqondi konke uThixo kaYakobi.”
8Lumkani, bantundini bazizidenge!
Noda niqiqe nini, zityhifilindini?
9Nithini? Nithi uThixo owadala iindlebe akeva?
Nithi lo wenza amehlo enu akaboni?
10Lo ulawula zonk' iintlanga nithi akanakuzohlwaya?
Lo ufundise abantu nithi akazi nto?
11Ulogocagoca iingcinga zabantu,
uyazi ukuba zibubuvuvu nje bodwa.
12Unoyolo lowo uyalwa nguwe, Ndikhoyo;
nditsho ofundiswa nguwe umyalelo wakho.
13Umnika inzolo ngemihla yobubi,
lo gama amatshijolo ombelwa umhadi.
14Kaloku akayi kubafulathela abantu bakhe uNdikhoyo;
akasoze ayilahle indlu yakhe.
15Kobakho ubulungisa ezinkundleni,
abulandele onke amalungisa.
16Azi, ngubani owondilwela kumatshijolo?
Yoba ngubani na ongakum?
17Ukuba bendingancedwanga nguNdikhoyo,
ngesele ndikwantsonga-nyawana.
18Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,
wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.
19Xa ndandinxubile, ndixhalabile,
wandithuthuzela, wandonwabisa wena.
20Akunabudlelana nabalawuli abakhohlakeleyo,
bona bayenza umthetho intswela-bulungisa.
21Bayalihlanganyela ilungisa bona,
bamgwebele ukufa umnt' engenatyala.
22Kodwa ngumkhuseli wam yena uThixo;
yinqaba endizimela ngayo.
23UNdikhoyo wobohlwaya ngenxa yenkohlakalo yabo,
batshabalalele kobo bugwenxa babo;
wobabhangisa kuphele tu uThixo.

Currently Selected:

IINDUMISO 94: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy