YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 74

74
Ukuthandazela inkululeko yesizwe
Umbongo ka-Asafu.
1Awu, Thixo! Ngani ukuba wenjenje ukusilahla?
Awusathothi na umsindo wakho kubantu bakho?
2Khawulikhumbule ibandla lakho owalifumana mandulo,
owalikhululayo ukuze libe lilifa lakho;
khumbula ikhaya lakho intaba iZiyon.
3Khawuye kuloo mabhodlo;
iintshaba zabhuqa konke endlwini yakho.
4Zabharhumla phakathi endaweni engcwele,
zaza zamisa eyazo indwe.
5Ezo zinxosha-nxosha zabhulula konke,
ngathi ngabagawuli begec' imithi.
6Zona izinto ezenziwe ngomthi
bazintlekeza ngooncelemba nezando.
7Zayintumek' umlilo indawo engcwele,
zayixabhela zayidiliza indlu yakho engcwele.
8Zathi: “Masibabhangise kuthi tu.”
Kulo lonke bazitshisa iindawo zokunqula.
9Eyakuthi indwe ayisabonakali;
akusekho namshumayeli,
kungekho waziyo ukuba koda kube nini na.
10Koda kube nini, Thixo, utshaba lungcikiva?
Lohlala lukunyelisa njalo-njalo?
11Kutheni ukuba ungasincedi?
Ngani ukuba usonge izandla?
12Kambe ke wena, Thixo, waba ngukumkani kwamandulo.
Uyabahlangula abantu ehlabathini liphela.
13Ngaloo mandla walahlula-hlula ulwandle,
waziqhekez' intloko iingwenya,
14wasintlekeza intloko isilo solwandle,
sakukutya kwelo libharhileyo.
15Wena wampompozisa imithombo nemilanjana,
waza wayomisa imilambo engatshiyo.
16Yadalwa nguwe imini, ngokunjalo nobusuku;
ivela kuwe inyanga, ngokunjalo nelanga.
17Yamiswa nguwe imida yehlabathi;
ngokukwanjalo ihlobo nobusika.
18Awu, *Ndikhoyo, khumbula ukuba iintshaba ziyakusinekela;
izibhoja ziyalingcikiva igama lakho.
19Ungabayekeli ezintshabeni abantu bakho;
khumbula ngokubandezeleka kwabantu bakho.
20Khawucinge ngomnqophiso wakho,
kuba eli lizwe liphethwe zizibhoja
zona zigoxa kwamnyama-ndawo.
21Sukubayekela abacinezelweyo;
nawo amahlwempu neentsizana makakudumise.
22Khawuvuke uhlanganise, Thixo;
izibhoja zisoloko zikungcikiva.
23Sukuyilibala intsholo yotshaba lwakho,
umlembelele wengxolo yabakuchasayo.

Currently Selected:

IINDUMISO 74: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy