YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 73

73
ICANDELO LESITHATHU
(IiNdumiso 73 – 89)
Ubulungisa bukaThixo
Umhobe ka-Asafu.
1Ngenene uThixo umphethe kakuhle uSirayeli;
ulungile kwabantliziyo zinyulu.
2Kodwa ke mna suka ndathandabuza,
ewe, gcwizi ndityibilike,
3kuba ndinekhwele ngabaqhayisayo,
kukubona inkqubela yabakhohlakeleyo.
4Kaloku bona abazani nantlungu;
baphile bayimiqaba-qaba.
5Abakhathazwa nto njengabanye abantu;
abafunyanwa zizibetho njengabanye.
6Ngoko ke bagaxel' ikratshi;
bathi wambu ugonyamelo.
7Badumb' amehlo kukutyeba;
iintliziyo ziphuphum' ubuqhophololo.
8Bayangcikiva benentlamba;
baziphakamisile basongela ngengcinezelo.
9Bangcikiva nkqu namazulu;
batheth' unothanda emhlabeni.
10Ke bona abantu bayabamkela;
barhorhozela emva kwabo.
11Bathi: “UThixo ngeke aqonde;
uPhezukonke ngeke asibhaqe.”
12Banjalo ke abakhohlakeleyo;
abazihluphi nganto, kodwa bayahluma.
13Ngani ke ukuba ndiziphathe kakuhle,
ndizigcine ndinyulu?
14Kaloku andahlukani nentlupheko;
miso le ndiyohlwaywa.
15Xa bendithetha kanjalo
bendingaba ndingcatsha abantu bakho.
16Ndizamile ukuyiphonononga le nyewe,
kodwa suka yayinkinge kum.
17Ndide ke ndabhenela engcweleni kaThixo,
ndacacelwa ke sisiphelo sabo.
18Ngenene ubabeka emtyibilizini,
bawe batshabalale.
19Ngephanyazo baba nesiphelo esilumezayo,
beyela bephanziswa kukunkwantya.
20Nkosi, banjengephupha ekuphaphameni komntu;
ubume balo buyalibaleka akuvuka.
21Ngokuya ndandibindekile,
ndikhathazekile entliziyweni,
22ndandingaqondi, ndisisidenge;
ndandiziphethe njengesilwanyana.
23Kambe ke ndisoloko ndikuwe;
undithe chu ngesandla.
24Ewe, wena uyandithundeza;
kamva ke wondamkelela ewongeni.
25Ndikholosa ngawe usemazulwini;
ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.
26Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,
wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.
27Abakutyeshelayo baya kubhanga;
uyabatshabalalisa abaqhankqalazi.
28Kum ke kuluyolo ukuba kufuphi kuwe, Thixo.
Nkosi yam *Ndikhoyo, ndikhuselwa nguwe,
ukuze ndibalise ngemisebenzi yakho.

Currently Selected:

IINDUMISO 73: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy