YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 60

60
Ukucela ukuhlangulwa
Kumbhexeshi-kwayara, ingoma yokufundisa. Sisililo sikaDavide ngokuya wayesilwa nama-Aram aseMesopotami, kunye nama-Aram aseZobha, waza uJowabhi wawadudula wabulala amaEdom alishumi elinambini lamawaka kwiNtlambo yeTyuwa. Iculwa ngathi yileya ithi: “Iinyibiba.”
1Awu, Thixo, usilahlile!
Ngoku sitsho soyisakala.
Wena usivelele ngomsindo.
Nceda, khawube nebuyambo.
2Wena uwunyikimisile umhlaba;
wona utsho wazama-zama; kungokunje uyaqhaqhazela.
Nceda ungcibe ezo ntanda.
3Abantu bakho ubavise inkxwaleko;
ewe, usitsho sazizinxada-nxada.
4Ubanike intshinga abakuhlonelayo;
ubahluphezile ukuze bazuze uloyiso.
5Nceda ngamandla akho usivelele,
ukuze basinde abo ubathandayo.
6UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,
wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,
ngoloyiso ndiyayihlahlela;
intili yeSukoti yona ndiyibenge.
7IGiliyadi yeyam, noManase ngowam.
UEfrayim lelona xhadi lam;
uJuda ngumsimbithi wam.
8UMowabhi yintili yam yebhongo;
ke yena uEdom ndiyambanga.
EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”
9Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?
Ngubani onokundisa e-Edom?
10Noko usilahlile, Thixo.
Awusaphumi nemikhosi yethu.
11Sincedise ezintshabeni zethu:
kaloku olomntu uncedo luphuthile.
12Ukuba uThixo ungakuthi siya kuphumelela;
uya kuzinyhasha iintshaba zethu.

Currently Selected:

IINDUMISO 60: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy