YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 59

59
Ukuthandazela ukukhuselwa
Kumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide emveni kokuba uSawule wayethumele amadoda ukuze amchwechwele ambulale endlwini yakhe. Luculwa ngathi leliya lithi: “Uze ungatshabalalisi.”
1Khawundihlangule ezintshabeni, Thixo wam;
ndikhusele kwabo bandihlaselayo.
2Ndihlangule kubantu abagwenxa;
ndisindise kwizikrelemnqa.
3Uyabona bayandilalela.
Izikhohlakali zidibana ngam,
ndingonanga nokona, *Ndikhoyo.
4Hayi, andenzanga nento le,
kodwa nâbo bendiqulela.
5Ndikhoyo, Thixo Somandla,
wena Thixo kaSirayeli,
phakama uze kundinceda!
Vela undibone kaloku.
Zivukele uzohlwaye iintlanga.
Mabangasindi abaphembi boqhushululu.
6Baphuma ngamarhatya,
ngathi zizinja ezilambayo,
benze umkhulungwane esixekweni.
7Nâbo begragrama,
iilwimi zabo ngathi likrele;
bathi ngubani obakhathaleleyo.
8Ke wena, Ndikhoyo, uyabahleka;
ewe, ziyintlekisa kuwe iintlanga.
9Ungumkhuseli wam, ndizimela ngawe;
ulikhakha lam, wena Thixo.
10Ngenxa yokuba undithanda
uyandihlangabeza, Thixo wam;
uya kuziswantsulisa iintshaba zam.
11Musa ukubatshabalalisa, Thixo,
khon' ukuze abantu bakho bafumane umzekelo.
Ngaloo mandla akho basarhaze babe zizibhadu-bhadu.
Ulikhakha lethu, wena Ndikhoyo.
12Kukrwada ukuthetha kwabo;
mabaxakane nekratshi labo,
kuba bayaqalekisa, futhi bayaxoka.
13Babhubhise ngomsindo wakho;
batshabalalise kuthi tu,
khon' ukuze ihlabathi lazi
ukuba kwaYakobi kulawula uThixo.
14Baphuma ngamarhatya, ngathi zizinja ezilambayo,
benze umkhulungwane esixekweni.
15Bafunana nokutya, barhaqaze bakuba benganeli.
16Kodwa ke mna ndiya kucula ndibonga amandla akho;
ndiya kumemelela kwasekuseni,
kuba uthando lwakho luyamangalisa.
Kaloku wena uyinqaba yam,
ungumqolomba ngomhla wembandezelo.
17Ndiya kukubonga, mkhuseli wam.
Mna ndizimela ngoThixo;
ewe, uThixo ondithandayo.

Currently Selected:

IINDUMISO 59: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy