YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 52

52
Ukugweba nokubabala kukaThixo
Kumbhexeshi-kwayara; umbongo kaDavide, ngexesha uDowegi umEdom exelela uSawule ukuba uDavide usemzini ka-Ahimeleki.
1Uqhayisela ntoni ngobubi, gorhandini,
usithi inceba kaThixo iphezu kwakho?
2Usoloko uzungula ukutshabalalisa.
Ulwimi lwakho alubukhali, yintshengeca!
Uhlala uyila ubutshijolo.
3Uthanda okubi kunokulungileyo;
uthe phithi bubuxoki endaweni yenyaniso.
4Hayi ke bethu umntu onolwini!
Uyakuthanda ukuphixanisa.
5Ke yena uThixo uya kukudiliza kuthi tu;
uya kukuthi xhakamfu, akukhuphe endlwini yakho;
uya kukuncothula umke ezweni labaphilayo.
6Akuyibona le nto amalungisa omangaliswa ahlekise athi:
7“Nanko ke umntu ongazange akholose ngoThixo,
owasuka wakholosa ngobutyebi,
waphumelela ngobutshijolo!”
8Ke mna ndinjengomnquma oyokoyoko;
ndihlala phakathi endlwini kaThixo.
Ndihlala ndikholose ngezibele zothando lukaThixo;
kuya kude kube ngunaphakade.
9Ngenxa yesi senzo sakho, Thixo, ndiya kukudumisa njalo-njalo.
Ndithembele kuwe kuba ulungile.
Ewe, ndiya kukubhengeza phakathi kwâbo bakuthandayo.

Currently Selected:

IINDUMISO 52: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy