YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 41

41
Umthandazo wesigulana
Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.
1Hayi uyolo lomntu obonelela amahlwempu;
womhlangula *uNdikhoyo xa yena esengxakini.
2Womkhusela amlondoloze ebomini.
Womthamsanqela emhlabeni,
angamyekeli kwiintshaba zakhe.
3UNdikhoyo womonga xa angaphilanga,
ambuyisele empilweni.
4Ke mna ndathi: “Ndikhoyo, ndenzele inceba!
Ndikonile; nceda ndiphilise!”
5Zahlekisa ngam iintshaba zisithi:
“Uya kufa nini kakade, angabi sakhunjulwa bani?”
6Nabo baze kundivelela abakho ntweni,
bezela nje ukuza kuva ulwimi,
bahambe besasaza intlebendwane.
7Zihamba zindihleba iintshaba zam,
zindinqwenelela okubi.
8Zihamba zisithi: “Ukufa mumosele!
Akanakuba savuka kumandlalo wakhe!”
9Ewe, nesihlobo sam esisenyongweni ebendisithembile,
nditsho kanye eso sabelana ngeqhekeza lesonka,
naso sindivukele.
10Ndikhoyo, ndenzele inceba, ndiphakame,
ndize ndiziphindezele kwiintshaba zam.
11Phofu ke ndiyazi ukuba undikhathalele,
kuba azinakundivuyelela iintshaba zam.
12Uyandinceda kuba ndimsulwa;
undibeka phambi kwakho ngalo lonke ixesha.
13Makabongwe uNdikhoyo,
uThixo kaSirayeli,
ngoku kude kube nini-nini!
Amen, ewe, makube njalo!

Currently Selected:

IINDUMISO 41: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy