YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 37

37
Isiphelo samatshijolo nesamalungisa
Umhobe kaDavide.
1Mus' ukuziduba ngamatshijolo wena,
ungabamoneli abenzi bobubi.
2Kwakamsinya baya kubuna njengengca,
bavuthuluke njengamagqabi.
3Thembela *kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;
uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva.
4Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;
wokunika umnqweno wentliziyo yakho.
5Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;
yena ke wokwenzelelela.
6Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,
kucace mhlophe ukulunga kwakho.
7Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,
ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga.
8Zilumle emsindweni, uyilahle ingqumbo,
ungazidub' umphefumlo, hleze unxunguphale.
9Kaloku othi shwaka amatshijolo,
kodwa boba zizima-mhlaba abathembele kuNdikhoyo.
10Ngumzuzwana nje athi shwak' amatshijolo;
uthi uwakhangela ungawaboni.
11Kodwa bona abathobekileyo bowuma umhlaba,
baxhamle intlutha noxolo.
12Amatshijolo awenzela amayelenqe amalungisa,
awajamele ngentiyokazi enkulu.
13Kodwa uNdikhoyo usuka acubhuke yintsini,
kuba uyazi yena ukuba imihla yamatshijolo selisongekile.
14Arhola amakrele, ajolise iintolo zawo amatshijolo,
efun' ukuwisa iintsizana namahlwempu,
abulale amalungisa.
15Otyakatywa kwangelawo ikrele,
zaphulwe nezo ntolo zawo.
16Obo buncinanana linabo ilungisa,
bungcono kunentaphane ezinayo izikrelemnqa,
17kuba uya kuzaphul' iimpondo uNdikhoyo izikrelemnqa,
awenzelelele wona amalungisa.
18UNdikhoyo uyawabonelela amalungisa,
awenze awume umhlaba ngalo lonk' ixesha.
19Akayi kuntshubaza ngamaxesh' endlala;
ohlutha naxa ikati selilel' eziko.
20Ke zona iintshaba zikaNdikhoyo zotshabalala,
zibhange zixel' ingca etshayo edlelweni.
21Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,
ke lona ilungisa lipha ngesisa.
22Boba zizima-mhlaba abo abathamsanqelayo uNdikhoyo,
bagxothwe abo abaqalekisayo.
23NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;
nguye omenza akholeke kuye.
24Nokuba uwile, uyavuka,
kuba nguNdikhoyo omthundezayo.
25Ndiyaluphala ngoku,
ukanti andizange ndilibone ilungisa lintshubaza,
nabantwana balo belamba.
26Lisoloko libolekisa, lisipha ngesisa,
nenzala yalo iyathamsanqelwa.
27Yahlukana nobubi, wenze okulungileyo;
uya kwalulelwa imihla yakho ebomini.
28Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;
akayi kubafulathela abantu bakhe.
Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,
kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa.
29Amalungisa aya kuba zizima-mhlaba,
ahlale ngoxolo kude kube nini.
30Ilungisa lithetha amazwi obulumko;
into eliyithethayo isoloko
ilungile.
31Lisoloko liwubambile umthetho kaThixo;
alisoze licebuke kuwo nanini na.
32Itshijolo lisoloko lizungula ukubulala amalungisa,
33kodwa uNdikhoyo akayi kuliyekela kumatshijolo ilungisa,
engayi kuliyekela lohlwaywe enkundleni yamatyala.
34Thembela kuNdikhoyo, uthobele imithetho yakhe;
wokunika umhlaba uwume,
uwabone amatshijolo etshabalala.
35Ndalibona lilawula ngegqudu itshijolo,
lilugxibha ngathi ngumkhoba wamahlathi.
36Ndaphinda ndadlula apho, ndabona lingasekho;
ndalikhangela, andalifumana konke.
37Kugqale ukulunga nobumsulwa,
kuba kumzisela uxolo umntu ekugqibeleni;
38kodwa bona aboni baya kutshatyalaliswa,
nenzala yabo iphanziswe kuphele.
39NguNdikhoyo umhlanguli wamalungisa;
ulikhaka lawo ngexesha lobunzima.
40Nguye owancedayo, awahlangule,
awasindise kumatshijolo,
kuba akholose ngaye amalungisa.

Currently Selected:

IINDUMISO 37: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy