YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 6

6
Ezinye izilumkiso
1Mfo wam, ukuba uthe wamela omnye umntu,
wabambana nomnye ngesandla,
2waza ke ngaloo ndlela warhintyeleka ngamazwi omlomo wakho,
wavaleleka emgibeni ngenxa yesithembiso sakho,
3nantsi ke into omawuyenze, nyana wam, ukuze ukhululeke ezandleni zommelwane wakho:
hamba uzithobe kuye,
umbongoze akukhulule.
4Ewe, ungakhe ulale ungayenzanga loo nto,
ungaphumli nokuphumla oku.
5Xelisa inxala elizihlangulayo esandleni somzingeli,
okanye intaka ephuncuka esandleni somthiyeli.
6Yiya embovaneni, vilandini;
qwalasela indlela eziphethe ngayo, nawe ulumke.
7Kaloku yona ayinankosi,
ingenamlawuli nankokheli,
8kodwa nakuba injalo iyaxakeka ehlotyeni iqokelela umphako,
izilungiselela ukutya ngexesha lokuvuna.
9Kodwa kodwa, vilandini, koda kube nini uthe tywa kuloo mandlalo?
Uya kuvuka nini kobo buthongo bakho?
10Ulibele kukuthi: “Hayi noko, makhe ndithi qwaka, ndithi ntlithi kancinane,
khe ndisonge izandla, ndiphumle.”
11Kambe ke bona ubuhlwempu nâbo bukuchwechwela njengomkhuthuzi.
Ewe, nantso ihambo-nzima isiza kukuhlasela oku kwendoda exhobileyo!
12Ke yena umntu ohamba ejikeleza ethetha ezolwimi
ngungantweni wetshijolo.
13Ewe, onjalo ungafika emana encwina amehlo,
egobhana nabanye, ekhomba ngaloo minwe yakhe.
14Ngalo lonke ke elo xesha uqulunqa amayelenqe entliziyweni yakhe;
ewe, uyila ububi, aphembelele uqhushululu.
15Kuthi kunjalo ke afunyanwe yinkxwaleko ngebhaqo,
atsho enzakale ngephanyazo, angabi nakunyangeka.
16Zintandathu izinto azithiyileyo *uNdikhoyo;
gxebe, zisisixhenxe izinto ezilizothe kuye:
17amehlo endelelo,
ulwimi oluxokayo,
izandla eziphalaza igazi elimsulwa,
18intliziyo eceba amayelenqe,
iinyawo ezikhawuleza ukuquqela ebubini,
19ingqina elixokayo liyigqwethe inyaniso,
nomntu ophembelela ingxabano phakathi kwabazalanayo.
Isiyalo ngabakrexezi
20Mfo wam, yithobele imimiselo oyinikwa nguyihlo,
ungazityesheli neziluleko zikanyoko.
21Amazwi abo wamilisele engqondweni yakho nanini nanini,
uwagaxele abe sisihombo entanyeni yakho.
22Ewe, la mazwi aya kukukhokela endleleni yakho,
abe ngumlindi wakho xa ulele,
aze athethe nawe xa uvukile.
23Kaloku imiyalelo isisibane;
zona iziluleko zilukhanyiso;
ingqeqesho ekukhalimelayo ingundoqo wobomi.
24Zizo ezinokukukhwebula kumfazi oziphethe kakubi,
zikuhlangule kumfazi wasemzini olwimi lugudileyo.
25Sukunikezela umncwase ngenxa yobuhle bakhe;
sukumkhathalela nokuba selecela amehlo.
26Ihenyukazi ungalithenga nangesonka,
kanti yena umkrexezikazi angakwenza uphulukane nobomi bakho.
27Khawutsho! Uthi ungawufaka esifubeni sakho umlilo
ize impahla yakho ingatshi?
28Uthi ungawanyathela amalahle avuthayo
zize zingatshi iinyawo zakho?
29Kunjalo ke kumntu owambatha umka-mntu:
akukho namnye omchukumisayo oya kuba msulwa.
30Aligxekwa kangako isela
xa lisiba kuba lilambile.
31Noxa kunjalo lihlawuliswa kasixhenxe xa libanjiwe,
lithinjwe yonke impahla yendlu yalo.
32Ke yena umntu okrexezayo ngathi ushiywe ziingqondo;
ewe, uyazibhubhisa yena ngokunokwakhe.
33Isiqhamo salo msebenzi wakhe ziinduma nokuhlazeka;
futhi ke oko kuphoxeka kwakhe kuya kuhlala kungenakucinywa.
34Kaloku indoda enobukhwele inengcwangu;
ithi ke apho iziphindezela khona ingabi nanceba.
35Ewe, xa sele ikuloo meko ayiva zicengo,
kungekho nantlawulo iya kuyamkela noba ingakanani na.

Currently Selected:

IZAFOBE 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy