YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 29

29
1Umntu okhalinyelwa njalo, kodwa abe neenkani,
wosuka aphalale ngephanyazo, angaze abe nabuyambo.
2Wakuba sezandleni zamalungisa umbuso, batsho bavuye abantu;
kambe ke kwakulawula isikhohlakali iba ziincwina zodwa.
3Othanda ubulumko uvuyisa uyise,
kodwa ke yena othene nca namahenyukazi uchitha impahla yakhe.
4Xa ukumkani elawula ngobulungisa litsho lizinze ilizwe lakhe;
kambe ke yena orhwiphiliza irhafu uyalibhuqa.
5Umntu onyhwalaza ummelwana wakhe
uzenzela umgibe iinyawo zakhe.
6Umntu ogwenxa uthiyelwa sisono sakhe;
kambe ke yena olilungisa uyaziculela onwabile.
7Umntu olilungisa unemfobe ngâbo bahlelelekileyo,
ke yena umntu okhohlakeleyo akayiqondi nokuyiqonda into enjalo.
8Abagxeki baphembelela udushe esixekweni,
kambe ke zona izilumko ziyawuthomalalalisa umsindo.
9Umntu osisilumko xa emangalelene nesiyatha
sisuka sivuke umnyele siphoxise, kungabikho mvisiswano.
10Izibulala-mntu zimthiyile umntu onyanisekileyo,
ke bona abathe ngqo bayamkhusela umntu onjalo.
11Isiyatha asiwulawuli umsindo;
kambe ke sona isilumko siyaphola sizibambe.
12Ukuba umlawuli nguthoba-sikutyele,
onke amaphakathi akhe oba ngoongcothoza.
13Ihlwempu ndawonye nalowo ulingcungcuthekisayo
bafana ngale nto yokuba bobabini banikwe amehlo abonayo nguNdikhoyo.
14Ukumkani ogweba ityala lehlwempu ngokunyanisekileyo
ulawulo lwakhe luya kuhlala luzinzile.
15Uswazi lokululeka ludala ubulumko;
kambe ke umntwana ongaqeqeshwayo umzisela ihlazo unina.
16Xa kulawula izikhohlakali siyanda isono,
kambe ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwazo.
17Umntwana olulekwayo uya kukunika ukuxola,
aze ayivuyise intliziyo yakho.
18Abantu abangenawo umbono kaThixo baba ziindlobongela;
phofu ke unoyolo umntu owuthobelayo umthetho kaThixo.
19Akuncedi nto ukulingxolisa ikhoboka,
kuba nokuba liyaqonda aliyi kuphulaphula.
20Uyambona na umntu othetha nje engaqiqanga?
Akunani kwaisityhakala kunaye.
21Ukuba uyalitefisa ikhoboka kwasebutsheni balo,
ekugqibeleni liya kukudela.
22Umntu ofan' acaphuke udala ingxabano;
umfo onephuku uwa ewile esonweni.
23Ikratshi liyamwisa umntu;
kambe ke othobekileyo uba nesidima.
24Ihlakani lomntu olisela lizibeka emngciphekweni;
nakuba lisazi ukuba liza kohlwaywa nguThixo noko lithe cwaka.
25Ukuxhalela abantu kusenokuba ngumgibe;
kambe ke othembela kuNdikhoyo ukhuselekile.
26Baninzi abazithandekisa kwiziphathamandla,
kambe ke bona ubulungisa bufumaneka kuNdikhoyo.
27Umntu onobuqhetseba uyacekiswa ngamalungisa;
ngokunjalo nomntu othe ngqo uyacekiswa ngabakhohlakeleyo.

Currently Selected:

IZAFOBE 29: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy