YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 26

26
1Ukuncoma isityhakala ngumhlola onjengokuba kusuke kukhithike ehlotyeni,
okanye kune imvula ngexesha lokuvuna.
2Isishwabulo kungekho sizathu asiphumeleli;
sifana nokundanda kwamahlankomo neenkonjane ezingahlali phantsi.
3Ihashe liyabethwa, ke yona idonki ilawulwa ngomkhala,
kanti ke sona isinyabi sivuswa ngentonga.
4Sukuphendulana nesiyatha,
hleze nawe lo uzibhaqe sewufana naso.
5Xa umntu ebuza umbuzo wobudenge mlinganisele,
hleze azicingele ukuba usisilumko.
6Ukuthemba isidenge somthunywa kukuzenzakalisa
nqwa nokuzinqumla imilenze.
7Iqhalo emlonyeni womntu ongaqondiyo
lifana nomlenze ojingayo wesiqhwala.
8Ukuncoma isityhakala
nqwa nokubophelela ilitye *kwinkwitshi.
9Iqhalo emlonyeni wesiyatha
nqwa nesebe elinameva esandleni senxila.
10Umntu oqesha isidenge okanye nabani na odlulayo akanankathalo,
ufana nejoni elidubula nje nabani na.
11Umntu ophinda-phinda into yobudenge
nqwa nenja ebuyela emhlanzweni wayo.
12Akunani kwaisityhakala
kunomntu osisilumko kwawakhe amehlo.
13Ivila lithi: “Kukho ingonyama endleleni!
Ewe, ingonyama ihla inyuka ezitalatweni.”
14Oku kocango oluvula luvaleke kwiihenjisi oluxhonywe kuzo
linjalo ivila ukuqika-qikeka emandlalweni walo.
15Ivila liyakha esityeni,
kodwa linqene ukufaka emlonyeni.
16Umntu olivila usisilumko kwawakhe amehlo;
kuye ngathi ungaphezulu nakumadoda asixhenxe akwaziyo ukuphendula ngengqiqo.
17Umntu ogxuphuleka kwiingxabano zabanye
ufana nomfo osuka athi nqaku inja ngeendlebe.
18Ufana negeza elidubula ngeentolo zomlilo
19umntu okhohlisa ummelwane wakhe aze ajike athi: “Hayi, bendiqhula nje.”
20Zakuphela iinkuni uyacima umlilo.
Xa kungekho mntu uphixanisayo kuyaphela ukungevani.
21Ziinkuni ezivuthisa umlilo kwanjengokuba iintlantsi ziwavuthisa amalahle;
ukwanjalo ke nomntu onochuku ukuphembelela ingxabano.
22Amazwi omntu ohlebayo anencasa;
abantu basuka bawathi bimbilili.
23Amazwi alalanisayo efihla inkohlakalo
nqwa nesitya somdongwe esigqunywe ngesiliva ngaphandle.
24Umntu onentiyo usenokuyifihla ngendlela athetha ngayo,
kodwa ngaphakathi abe esabambelele enkohlakalweni.
25Ewe, walumkele loo mazwi akhe amnandi,
kuba intliziyo yakhe iyaphuphuma ngamanyondololo.
26Nokuba angayifihla intiyo yakhe ngenkohliso,
kodwa inkohlakalo yakhe yona iya kudandalaza esidlangalaleni.
27Umntu owomba umngxuma kweyela kwayena kuwo.
Lowo uqengqa ilitye losuka ligubungele kwayena.
28Umntu onolwimi uyabathiya abo abenzakalisayo;
umntu okhohlisayo udala intshabalalo.

Currently Selected:

IZAFOBE 26: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy