YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 22

22
1Igama elihle lilungile ngaphezu kwentabalala yobutyebi;
ukuba nesidima kungaphezu kwayo isiliva negolide.
2Umntu osisityebi nomntu olihlwempu ikho into ebadibanisayo:
kaloku bobabini badalwe nguNdikhoyo.
3Umfo ohlakaniphileyo uthi akuyibona isiza ingozi ayiphephe;
ke yena ongaqondiyo uthwabaza aye kungena kuyo, aze ke ave ubuhlungu yiloo nto.
4Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,
uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.
5Indlela yamatshijolo iphahlwe ngameva nemigibe;
ke yena umntu okhusela ubomi bakhe uyayicezela.
6Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,
soze ahlukane nayo naxa selekhulile.
7Umntu osisityebi uyalilawula ihlwempu;
nalowo ubolekayo likhoboka lalowo ubolekisayo.
8Umntu ohlwayela inkohlakalo uvuna iinkxwaleko,
nentonga yomsindo wakhe iya kwaphuka.
9Umntu onezinwe uyathamsanqeleka,
kuba kaloku uyawapha amahlwempu kukutya anako.
10Wakumgxotha umgxeki itsho iphele ingxabano,
ngokunjalo zitsho zinqamke iingxwaba-ngxwaba nokunyelisa.
11Umntu onyanisekileyo nontetho inambithekayo
uyathandwa nditsho nangukumkani.
12Amehlo kaNdikhoyo ayalwalusa ulwazi;
ke zona iintetho zabantu abaphixanisayo uyaziphanzisa.
13Ivila lithi: “Kukho ingonyama phandle!
Ndobulawa ezitalatweni!”
14Umlomo womfazi ongakwaziyo ukuziphatha nqwa nenzonzobila yomhadi;
ke bona abashwatyulelwe nguNdikhoyo batshona kuyo.
15Ingqondo yomntwana idla ngokunxaxha,
kodwa ke into emlulekayo luswazi.
16Omnye ucinezela amahlwempu ngeenjongo zokwandisa ubutyebi bakhe,
wumbi anikezele ngezipho kwizinhanha, kodwa bobabini baphelela ebuhlwempini.
Amazwi obulumko
17Wabazele iindlebe uwaphulaphule amazwi ezilumko,
imfundiso yam uyibethelele entliziyweni yakho.
18Kaloku kumnandi xa unawo engqondweni yakho,
ube nako ukumana ucaphula kuwo ungathintilizi.
19Ndikwazisa wona ke namhlanje,
ukuze wena kanye ube nako ukukholosa *ngoNdikhoyo.
20Ngoko ke nazi iingongoma endikubhalele zona zimashumi mathathu,
ziqulethe ubulumko namacebiso.
21Ezi ngongoma ziya kukunceda ukwazi ukuyicalula inyaniso,
utsho ukwazi ukunika ingxelo enyanisekileyo xa uthunyiwe.
22Musa ukuthi kuba umntu elihlwempu umxhaphaze;
futhi sukumcinezela umntu ohlelelekileyo xa esematyaleni.
23Kaloku uNdikhoyo ngokwakhe uya kuba ngummeli wabo,
abaphange abo babaphangayo.
24Musa ukuhlobana nomntu onephuku;
sukuhambisana nonkom' iyahlaba.
25Kaloku xa usenjenjalo uya kugcayiseleka,
nawe uzibhaqe sesikusulele eso simo sakhe.
26Sukuyenza into yokubamba isandla ubhambathisa,
umele ityala lomnye umntu.
27Kaloku xa ungasenako ukuhlawula
uya kuthinjwa wohluthwe nditsho kwanebhedi olala kuyo.
28Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudala
owamiswa ngookhokho bakho.
29Ungazibonela ngokwakho: umntu olichule emsebenzini usebenzela ukumkani,
akasoze asebenzele abantu abangenagama.

Currently Selected:

IZAFOBE 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy