YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 19

19
1Akunani kwaukuhleleleka unyanisekile
kunokuba sisiyatha esinganyanisekanga.
2Ukutyhuthuzela kungekho kuqonda akulunganga;
onyawo zingxamileyo uyayiphosa indlela.
3Ubuyatha bomntu buyabulimaza ubomi bakhe,
aze ke entliziyweni yakhe asole uNdikhoyo.
4Isinhanha siba nezihlobo ezininzi,
kodwa lona ihlwempu libalekwa nazezikhoyo.
5Ingqina elixokayo liyohlwaywa;
umntu ongathethi nyani enkundleni akasindi.
6Baninzi abacenga izikhulu;
bonke abantu bazizihlobo zomntu ophayo.
7Ihlwempu alifunwa nangabakowalo; yeka ke ukungafunwa kwalo zizihlobo!
Noba selizifuna linezicengo soze lizifumane.
8Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;
okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.
9Ingqina elixokayo liyohlwaywa;
umntu ongathethi nyani enkundleni uyatshabalala.
10Isiyatha asifanelwa kukuthi zava –
kobeka phi ukuba kubi kokuba amatshawe aphathwe sisicaka?
11Umntu onengqondo akacaphuki msinya;
kuye linqaku ukungakhathali noba selesoniwa.
12Umsindo kakumkani unjengokugragrama kwengonyama;
ke kona ukwamkeleka kuye kunjengombethe phezu kohlaza.
13Unyana osisiyatha uyamtshonisa uyise;
kanti ke yena umfazi onochuku ufana nendlu enethontsi.
14Indlu nobutyebi lilifa looyise,
kodwa umfazi onengqondo uvela kuNdikhoyo.
15Ubuvila bufuthanisela umntu ngobuthongo;
ukanti ke umntu ongasebenziyo ubhuqwa yindlala.
16Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;
ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.
17Umntu opha ohlelelekileyo ufana noboleka uNdikhoyo;
uNdikhoyo uya kumbuyisela.
18Mqeqeshe unyana wakho, kuba oko kunika ithemba,
kodwa ke ungagabadeli ude umbulale.
19Umntu ocaphuka msinya uvuna loo nto ayilimileyo;
ukuba ukhe wamnceda kwaba kanye uya kuphinda-phinda.
20Waphulaphule amacebiso, ukwamkele ukululekwa –
ekugqibeleni uya kuba nobulumko.
21Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,
kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.
22Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;
phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.
23Obona bomi kukuhlonela uNdikhoyo;
umntu owenjenjalo uyazonwabela, inkathazo ingamchaphazeli.
24Ivila liyakha esityeni,
kodwa lingabi nako ukusa emlonyeni.
25Mohlwaye umntu odelelayo, ukuze bazuze ukuqonda abangekabi namava;
isilumko siyafunda sakululekwa.
26Unyana ophatha gadalala uyise, agxothe unina,
ngunyana olihlazo nonamanyondololo.
27Nyana wam, ukuba uthe walutyeshela uqeqesho,
uya kuphulukana namazwi anolwazi.
28Ingqina elingungantweni liyabugqwetha ubulungisa;
okuphuma emlonyeni womntu okhohlakeleyo bububi bodwa.
29Umgxeki ufanelwe kukugwetywa;
ke sona isiyatha silindelwe kukutyatyushwa emhlana.

Currently Selected:

IZAFOBE 19: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy