YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 17

17
1Akunani kwaukutya iqhekeza lesonka uxolile
kunokuba semzini ozele yinyama yamadini kodwa kugquba imbambano.
2Isicaka esinobulumko sifumana amagunya ngaphezu konyana oza namahlazo,
size naso sibe nenxaxheba elifeni njengabanye oonyana.
3Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;
igolide ivavanywa ezikweni lomlilo;
kodwa yona intliziyo yomntu ivavanywa nguNdikhoyo.
4Umenzi wobubi uyawuphulaphula umlomo onenkohliso,
kanti ke ixoki liyibazela iindlebe intetho eyenzakalisayo.
5Umntu ohlekisa ngehlwempu ugxeka uMdali walo;
umntu ozivuyelayo iinkxwaleko zabanye uyohlwaywa.
6Abazukulwana libhongo lookhokho,
kanti ke igugu labantwana ngabazali.
7Amazwi obuciko akanakufumaneka emlonyeni wesiyatha;
amazwi obuxoki akalindelekanga emilebeni yesikhulu.
8Ukunyoba kufana nomlingo kulowo ukwenzayo;
uba kuza kumphumelelisa naphi na apho aya khona.
9Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.
10Ukukhalinyelwa kuyamakha umntu onengqondo,
kunokuba imivumbo elikhulu injalo kwisiyatha.
11Umvukeli uqhwaya ingxwaba-ngxwaba;
ke ngoko uthunyelwa isigidimi esingenanceba.
12Kubhetele ukuhlangana nebhere eyohluthwe amathole ayo,
kunokuhlangana nesityhakala sisenza ubudenge.
13Umntu ophindezela ubuhle ngobubi
soze yahlukane nelishwa indlu yakhe.
14Ukuphemba inkathazo kufana nokuqhekezwa kodonga lwedama;
ngoko ke nyawuka ingekakongameli.
15Okhulula umntu onetyala nogweba umntu omsulwa
bobabini uNdikhoyo uyabacekisa.
16Kunceda ntoni ukuba isiyatha siphathe imali, sifune ulwazi,
kanti asinangqondo?
17Umhlobo unothando ngamaxesha onke;
ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.
18Ngumntu ongenangqondo obamba isandla ebhambathisa,
emela ityala lommelwane.
19Umntu othanda ingxwaba-ngxwaba uthanda ubugwenxa;
umntu osoloko eqhayisa ngezinto zakhe uzibizela iingxaki.
20Umntu ontliziyo ikhohlisayo akabi nampumelelo;
kanti nomntu ontetho ikrwada ungena enkathazweni.
21Yinto ebuhlungu ukuba nonyana ongenangqondo;
uyise wesityhakala soze onwabe.
22Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;
kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.
23Umntu okhohlakeleyo uyanyotywa ngasese,
usuke ke wona umthetho ugqwetheke.
24Umntu onengqondo unonophela ubulumko;
ke sona isityhakala amehlo aso athi elapha abe ephaya.
25Unyana osisiyatha uzisela uyise ukukhathazeka;
kanti ke ungumva-ndedwa kunina omzeleyo.
26Yinto embi ukuhlawulisa abantu abamsulwa;
kuyalumeza ukohlwaya izikhulu ezithembekileyo.
27Umntu onengqondo uyawakhetha amazwi akhe,
kanti ke nomntu oqondayo uhlala epholile.
28Kanti ke nesiyatha sicingelwa ukuba sisilumko ukuba asithandi kuthetha;
kaloku umntu othuleyo ubalelwa ukuba yingqondi.

Currently Selected:

IZAFOBE 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy