YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 16

16
1Umntu uyazenza izicwangciso,
kodwa lona ilizwi lokugqibela lelikaNdikhoyo.
2Zonke iindlela zomntu zilungile kwawakhe amehlo,
kodwa nguNdikhoyo ocikida iinjongo zazo.
3Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.
4UNdikhoyo unenjongo ngayo yonke into;
ewe, kwanomntu lo ukhohlakeleyo umenzele imini yobubi.
5UNdikhoyo umthiyile umntu ontliziyo inekratshi;
ngokuqinisekileyo ngekhe agwetyelwe.
6Ngako ukuthembeka nokunyaniseka isono siyacanyagushelwa;
ngokuhlonela uNdikhoyo umntu uyabucezela ububi.
7Ukuba uNdikhoyo uyakholiswa yihambo yomntu
neentshaba zakhe zitsho zihlalisane naye ngoxolo.
8Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyo
kunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.
9Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.
10Ukuthetha kukakumkani kuba ludaba olundilisekileyo;
umlomo wakhe mawungabi naxanasi xa agwebayo.
11UNdikhoyo ufuna kusetyenziswe isilinganiso nesikali esingenagobe;
ubunzima bamatye okuveyisha mabube ngokwezigqibo zakhe.
12Ookumkani bayabucekisa ubugwenxa;
kaloku uburhulumente buzinziswa bubulungisa.
13Ookumkani bayakholiswa ngumntu onyanisekileyo;
ewe, bayamxabisa umntu othetha inyaniso.
14Umsindo kakumkani sisigidimi sokufa;
ke yena umntu olumkileyo uyamthomalalisa.
15Xa bukhululekile ubuso bukakumkani kudliwa ubomi;
ukwamkeleka kuye nqwa nemvula entlakohlaza.
16Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;
kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.
17Umntu othe ngqo uhamba ngendlela ebucezelayo ububi;
ewe, oyalusayo indlela yakhe ulondoloza ubomi bakhe.
18Ikratshi lilandelwa yimbubho;
ke kona ukudelela kutshayelela ukuwa.
19Akunani kwaukugqush' eluthulini nabahlelelekileyo
kunokuxhaphaza amaxhoba nabakhukhumeleyo.
20Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;
ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.
21Isilumko esizinzileyo siduma ngengqondo;
ubuciko baso busenza silandelwe ngabantu.
22Ingqiqo ngumthombo wobomi kwabo banayo;
kambe ke imfundiso yeziyatha bubudenge.
23Isilumko siyawabala amazwi esiwathethayo;
intetho yaso isenza silandelwe ngabantu.
24Amazwi amyoli nqwa nobusi;
ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.
25Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emehlweni abantu,
kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.
26Indlala imenza umntu ukuba asebenze;
ewe, iphango limtyhalela ekuxelengeni.
27Itshijolo lihlala liqingqa ububi;
kwa-amazwi nje alo agqatsa njengomlilo.
28Umntu onobugwenxa udala ingxabano;
umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.
29Indlavini iyamkhukulisa ummelwane,
imkhokelele kwimikhuba ephuthileyo.
30Omana ewancina amehlo uceba ubugwenxa;
ohlala eluma umlomo utyekele ebubini.
31Izimvi sisithsaba sobuhandiba;
zizuzwa ngabaphila ngobulungisa.
32Onomonde ulungile kunegorha;
olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.
33Abantu basenokulenza *iqashiso,
kanti ke ngumnwe kaNdikhoyo ofezekisayo.

Currently Selected:

IZAFOBE 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy