YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEFILIPI 4

4
1Ewe ke, mawethu, zihlobo zam ezithandekayo, andisanikhumbuli ngako! Kaloku niluvuyo nesithsaba sam; ngoko ke, bathandwa, zingisani njengabeNkosi.
Iziyalo
2UYodiya benoSintike ndibacela ndibacenga-cenga ukuba babe moya mnye ebudlelaneni beNkosi. 3Ewe, nawe mlingane wam, ndiyakubongoza ukuba uwalamle la makhosikazi, kuba nawo aba nenxaxheba kwimizamo yam yokuhambisa iindaba ezimnandi, enoKlemente nabanye oogxa bam abamagama abhaliweyo kumqulu wabaphilayo.
4Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!
5Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango. 6Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. 7Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu. 8Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo. 9Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.
Umbulelo
10Ndimanyene neNkosi, yaye ndivuya gqitha kuba emva kwethuba elingaka kuphinde kwabalasela ukundikhathalela kwenu. Phofu kakade nanindikhathalele, koko niswele ithuba. 11Xa nditshoyo ke andikhalazeli kuswela. Kaloku mna ndafunda ukwanela nakuyiphi na imeko endikuyo. 12Ndiyazana nokuswela, kanti ke futhi ndikuqhelile ukuba nento yonke. Ndiwaqhelile amahlandinyuka obomi: intlutha nendlala, ubutyebi nokuswela. 13Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo. 14Ngxatsho ke, intle into eniyenzileyo ngokundixhasa ezingxakini zam.
15Yayinini nodwa kakade enandincedayo, bantu baseFilipi, njengoko nani nisazi. Kuwo onke amabandla ethu nini kuphela enanijongene neendleko kunye nengenelo yam kwamhla ndaqalisa ukuhambisa iindaba ezimnandi, ndisuka eMakedoni. 16Naxa ndandiseTesalonika naphinda-phinda ukundithumela uncedo. 17Asikuko nokuba ndincwase ukuba nindikhongoze izipho, nto nje ndijonge ukuba ibe nini abafumana inzuzo. 18Ngoku sendifumene le mpahla ifike noEpafrodito, akukho nto ndingenayo. Nindixhase nangaphezu kokuba bendilindele. Ndiyifanisa nedini elivumba limnandi, umbingelelo owamkelekileyo nowanelisayo kuThixo. 19Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu. 20Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! *Amen.
Imibuliso
21Ndibulisa kusapho lonke lukaThixo olumanywe noKrestu Yesu. Bayabulisa nabo abantu bakaThixo abalapha kunye nam, 22nalo lonke usapho lukaThixo, ingakumbi abo bebhotwe *likaKhesare.
23Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.

Currently Selected:

KWABASEFILIPI 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy