YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEFILIPI 3

3
Ubulungisa benene
1Ndiphetha ngelithi ke, mawethu, yanga iNkosi inganipha uvuyo. Akundixhamli konke ukuphinda ndibhale izinto ebekhe ndazibhala ngaphambili; iya kuninceda loo nto. 2Zilumkeleni ezo zinja, nemikhwa yazo emibi. Balumkeleni abo banimele ngokutsheca imizimba – soze ndithi lulwaluko loo nto yabo. 3Ábaluke ngenene sithi, thina bamnqula ngoMoya uThixo, thina baqhayiya labo linguKrestu Yesu, thina singaqhayisiyo ngento eyenziwe emzimbeni. 4Nam ngokwam bendingaqhayisayo ngezi zinto. Ukuba kukho bani uqhayisa ngembonakalo, mna ndingaqhayisa ngaphezulu: 5Mna ndaluswa ndineentsuku ezisibhozo ndizelwe. NdingumSirayeli wesizwe sakwaBhenjamin ngokomlibo, umHebhere nozwane. Ndandingoweqela *labaFarasi ekugcineni *umthetho, ndinenzondelelo, 6ndada ndalitshutshisa ibandla. Ndandingabekwa bala ekuwugcineni umthetho. 7Kodwa zonke ezo zinto ndandisithi ziyinzuzo, ngoku ndizithatha njengelahleko ngenxa kaKrestu. 8Phofu asizizo zodwa, koko yonke into ndiyithatha njengelahleko mpela, kuba zonke izinto zigqithwa kude lee yinzuzo yokwazana noYesu Krestu iNkosi yam. Ndalahla yonke into ngenxa yakhe. Into yonke ndiyithatha njengomgquba ngenxa yokufuna ukuzuza uKrestu. 9Kaloku ndimanywe naye, ndingenabulungisa ndizifumanele bona ngokugcina kwam umthetho. Ndimanywe noKrestu nje, ndenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa kuKrestu. 10Inye kuphela ke into endiyifunayo: kukwazana noKrestu, ndize nam ndiweve ukusebenza kwawo amandla okuvuka kwakhe, ndibe nenxaxheba kwiimbandezelo zakhe, ndimanywe naye ekufeni kwakhe, 11ndinethemba lokuba nam ndovuswa ekufeni.
Ukusukela entanjeni
12Asikuko nokuba ndithi sendiphumelele, okanye sendigqibelele, nto nje ndihlala ndixhinele phambili, ndizabalazela ukuba kubekho lutho ndiluzuzayo, kuba nam ndazuzwa nguKrestu Yesu. 13Hayi, mawethu, andizibaleli ekuthini sendizuzile, nto nje nantsi into endiyenzayo: ndithi ndizilibala izinto esezigqithile, nditsazele kwezo zingaphambili, 14ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.
15Sonke ke thina bafikeleleyo kulo mgangatho masibe nale njongo. Kambe, ukuba bakho kuni abaneembono ezizezinye, uThixo uya kubatyhilela. 16Kodwa ke ukuziphatha kwethu makulungelelane nalo mgangatho sesifikelele kuwo.
17Mawethu, manyanani ekulinganiseni mna. Mna ndingumzekelo kuni; ngoko ke bagqaleni abo bahambo injengeyam. 18Njengoko ndasoloko ndinixelela, ngoku nditsho ndisenzinyembezini, ukuba baninzi abazimilo zibenza babe ziintshaba zomnqamlezo kaKrestu. 19Bafunzele entshabalalweni. Bona uThixo wabo sisisu sabo. Ihlazo labo baqhayisa ngalo. Iingqondo zabo bazimilisele ezintweni zalo mhlaba. 20Kanti ke thina ikomkhulu lethu lisezulwini, apho silindele ngolangazelelo ukuba uya kuvela khona uMsindisi wethu, iNkosi uYesu Krestu. 21Yena uya kuyiguqula le meko yethu iphuthileyo, ayifanise neyakhe enobungangamsha, esebenzisa kwaloo mandla awasebenzisayo xa afaka zonke izinto phantsi kolawulo lwakhe.

Currently Selected:

KWABASEFILIPI 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy