YouVersion Logo
Search Icon

UOBHADIYA 1

1
Ukohlwaywa kwe-Edom
1Nanku umbono kaObhadiya. Ngokuphathelele kwiEdom iNkosi *uNdikhoyo itsho ukuthi:
Luvakele udaba oluvela kuNdikhoyo;
sigalelekile ezizweni isigidimi, sisithi:
“Vukani, siye kulwa naye uEdom!”
2UNdikhoyo uthi kwiEdom:
“Uyabona, ndokwenza ube mncinane phakathi kwezizwe;
uya kusuka udeleke mpela.
3Ikratshi elisentliziyweni yakho likukhohlisile.
Wena uhlala ezimfanteni zamawa,
wena ukhaya likweliphezulu,
xa uzithethela uman' usithi:
‘Ngubani oya kundithula andise emhlabeni?’
4Noba ungade untinge njengokhozi,
ewe, noba usezinkwenkwezini umzi wakho,
nalapho mna ndiya kukuthoba.”
Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.
5“Xa ufikelwe ngamasela,
ewe, nokuba zizihange ebusuku,
aya kûba kangangoko anako,
akushiyele kodwa.
Nabavuni beediliya bavuna bagqibe,
kushiyeke umkhwahlazo.
Kodwa eyakho intshabalalo iya kugqithisa.
6Kaloku, wena Esawu, uya kugqogqwa uphengululwe,
konke okwakho okunexabiso kuthinjwe.
7Oogxa bakho bokududulela emideni.
Izihlobo zokukhohlisa utsho woyisakale.
Abo ubusidla kunye nabo bokugcayisela,
kodwa sobe uyiqonde loo nto.”
8Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:
“Mhla ndamohlwaya uEdom
ndozitshabalalisa izilumko zakhe,
kungabikho mntu uqiqayo kwezo ntaba zakwaEsawu.
9Ke wona amadoda omkhosi waseTeman osuka arhwaqele;
bonke abakwiintaba zakwaEsawu baya kunqunyulwa babulawe.
10Ngenxa yobundlobongela obenze kumntakwenu,
nditsho umninawe wakho onguYakobi,
ihlazo liya kukugubungela,
utshatyalaliswe ngonaphakade.”
Isizathu sesohlwayo
11“Ngaloo mini wena wema bhuxe
ngeli xesha utshaba luthath' ubutyebi.
Iintlanga zangena emasangweni,
zenza *amaqashiso ngeJerusalem,
suka wena waba njengomnye wazo.
12Akwaba ubungamdelanga umntakwenu,
nditsho ngemini yakhe yelishwa.
Akwaba ubungagcobanga ngenxa kaJuda
ngemini yakhe yentshabalalo.
Akwaba ubungaqholosanga
mhla lalibhek' umoya kuye.
13Ngewungangenanga kumasango abantu bam
ngomhla wabo wesithwakumbe.
Ngewungabajongelanga phantsi ngenkxwaleko yabo
ngemini yentlekele yabo.
Ngewungabuxhaphazanga ubutyebi babo
ngomhla weshwangusha labo.
14Akwaba ubungemanga eziphambukeni
ukuze unqakule iimbacu zabo.
Amasalela ngewungawanikelanga elutshabeni
mhla kwakugos' okwaphukayo.”
UThixo uza kuzohlwaya izizwe
15“Ewe, kuzo zonke izizwe imini *kaNdikhoyo isondele.
Loo nto uyenzileyo, wena Edom, iya kubuya yenziwe nakuwe;
isikhuni siya kubuya nomkhwezeli.
16Njengoko nina nayisezwayo ibhekile yesohlwayo entabeni yam engcwele,
ngokunjalo nezinye izizwe ziya kuyisezwa,
phofu ziyisele zingayeki.
Ewe, ziya kusela zibimbilize,
zide zibe ngathi zange zabakho.”
Ubukumkani boba bobukaNdikhoyo
17“Ke kwintaba iZiyon kuya kubakho abasindileyo;
yona yobuya ibe yindawo engcwele.
Indlu kaYakobi iya kulixhamla ilifa layo,
libe sezandleni zayo.
18Indlu kaYakobi iya kuba ngumlilo,
indlu kaJosefu ibe lidangatye.
Ke yona ekaEsawu ibe ngumququ,
bayintumeke umlilo itshe iphele.
Akusayi kubakho masalela kule ndlu kaEsawu mpela-mpela.”
Etshilonje *uNdikhoyo, utshilo.
19“Ke zona iintaba zakwaEsawu zomiwa ngabantu belasezantsi;
ke bona abakumazantsi eentaba beme kumhlaba wamaFilistiya.
Bowuthatha umhlaba kaEfrayim nowaseSamariya,
abakwaBhenjamin beme eGiliyadi.
20Iimbacu zamaSirayeli ziya kuyithimba iKanana ziye kutsho eZarefa,
iimbacu zaseJerusalem eziseSefaradi zithimbe iidolophu zelasezantsi.
21Abahlanguli bophuma eZiyon,
bazilawule iintaba zakwaEsawu,
ubukumkani bube bobukaNdikhoyo.”

Currently Selected:

UOBHADIYA 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy