YouVersion Logo
Search Icon

UAMOS 9

9
Isigwebo sikaNdikhoyo
1Ndayibona iNkosi imi ngaseqongeni lamadini, yaza yathi:
“Betha ezo ntsika phezulu kude kushukume umgubasi.
Zaphule, ziwele phezu kwabo bantu balapho.
Bonke abantu abaseleyo ndiza kubabulala ngekrele.
Akukho namnye uya kubaleka;
akukho bani uya kusinda konke.
2Nokuba bangade bazembele baye kutsho kwelabafileyo,
ndiya kubakhupha apho.
Nokuba bangade banyukele phezulu ezulwini,
ndiya kubathula nalapho.
3Ndithi nokuba bangade baye kuzimela phezu kwentaba iKarmele,
ndiya kubazingela nalapho, ndibakhuphe.
Bangade baye kuzimela ezantsi elwandle, bazifihle kum,
nalapho ndobathumela ngenyoka yaselwandle, ibadle.
4Nokuba bangade basiwe ekuthinjweni ziintshaba,
nalapho ndothi mababulawe ngekrele.
Ndowatsolisa amehlo am phezu kwabo,
kungenganjongo yakubenzela okuhle,
kodwa kungenjongo yokubenzela ububi.”
5Itsho linyibilike yakulichukumisa ihlabathi iNkosi uNdikhoyo onamandla onke,
kube sisijwili kubo bonke abemi balo.
Ihlabathi liya kuphakama lixele iNayile,
liphinde lithothe njengaloo mlambo waseJiputa.
6Ulobhotwe lakhe lakhiw' ezulwini,
amis' uphahla lwesibhakabhaka phezu komhlaba;
ulobiz' amanz' olwandle awagalele phezu komhlaba –
nguNdikhoyo igama lakhe.
7Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:
“Kum nina maSirayeli anahlukanga nganto kumaKushe.
Andithi kanene ndim lo wakhupha amaSirayeli eJiputa,
amaFilistiya ndawakhulula kumaKrete
namaSiriya eKire?
8Inene, ndiyiNkosi uNdikhoyo nje, ndibuqwalasele ubukumkani obonayo,
ndaye ndiza kubususa ehlabathini.
Phofu andiyi kuyicima kuphele indlu kaYakobi.”
Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.
9“Ukususela ngoku ndiza kuthi makahlukuhlwe ahlelwe amaSirayeli phakathi kwezizwe,
kanye njengokuba ingqolowa ihlukuhlwa ihlelwe esefini,
kambe akuyi kubakho lukhozo luwa emhlabeni.
10Bonke aboni phakathi kwabantu bam baza kufa ngekrele,
nditsho nkqu abo bathi: ‘Intlekele ayikusihlela; ewe, ngekhe isifikele.’ ”
Ukubuyiselwa kwamaSirayeli
11“Ngaloo mini ndiya kuwuvusa umzi kaDavide ongamanxiwa.
Ndozityabeka iimfanta zeendonga zawo,
ndiwavuse loo mabhodlo, abe njengoko ayenjalo ngaphambili.
12Abantu bam baya kuthatha umhlaba wamaEdom oseleyo,
nalowo wezizwe ezazikade zibizwa ngegama lam.”
Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo,
yena oya kukwenza konke oku.
13Ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:
“Kuza imihla ekuya kuthi kusavunwa kube sekulinywa kwakhona,
kuthi isatyalwa imbewu yediliya kube sekuxovulwa.
Ewe, iintaba ziya kuvuzisa incindi yeediliya,
iinduli zitsho zinyibilike.
14Ndiya kubabuyisa ekuthinjweni abantu bam amaSirayeli,
bawavuse amanxiwa ezixeko zabo, bahlale kuzo,
balime izidiliya, basele iwayini yazo,
balime izitiya, badle iziqhamo zazo.
15Ndiya kubazinzisa emhlabeni wabo,
bangabe babuye basuswe kuwo umhlaba endibanike wona.”
Utsho uNdikhoyo uThixo wenu.

Currently Selected:

UAMOS 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy