YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 9

9
IPasika yesibini
1Kwathi ke kaloku xa amaSirayeli akwintlango yaseSinayi, kwinyanga yokuqala kunyaka wesibini aphumayo kwelaseJiputa, *uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: 2-3“Emalanga ngomhla weshumi elinesine wale nyanga kofuneka amaSirayeli aqalise umbhiyozo wesikhumbuzo *sePasika, ngokwezimiso nemigaqo yayo.” 4Ngenene ke uMosis wawaxelela amaSirayeli ngePasika, 5aza ke ngolo rhatya lomhla weshumi elinesine, kuloo nyanga yokuqala ayibhiyozela khona apho kwintlango yeSinayi. Yonke into yaqhutywa ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.
6Kanti ke kwabakho bantu bathile *babegqwaliswe kukuphatha isidumbu. Bona ke zange babe nako ukuthatha nxaxheba apho kuloo mbhiyozo ngaloo mini. Baya kuzixela kuMosis noAron, 7bathi: “*Sinomlaza, kuba sichukumise isidumbu; kambe ke singathini ukuphoswa xa abanye benikela ngedini lePasika kuNdikhoyo?”
8UMosis wathi: “Lindani ndide ndifumane ilizwi kuNdikhoyo.”
9UNdikhoyo ke wathi kuMosis: 10“Xelela amaSirayeli ukuba xa omnye wawo okanye intsapho igqwaliseke kukuphatha isidumbu, okanye ekude eluhambeni, usenako ukuwubhiyozela umhla wePasika. 11Makawubhiyozele ngosuku lweshumi elinesine kwinyanga yesibini ngorhatya. Mawubhiyozelwe ngesonka esinganyuswanga nemifino ekrakrayo. 12Oku kutya makungabekwa mbeko, namathambo enyama leyo angàkrotyozwa. Umhla lowo ke wobhiyozelwa ngokwemiqathango yawo. 13Nabani na ke ongenasizathu, futhi engekho luhambeni, aze angawubhiyozeli lo mhla, uya kusikwa kumaSirayeli, kuba enganikelanga ngedini lePasika kuNdikhoyo ngexesha elimisiweyo. Uya kohlwaywa ngesono sakhe.
14“Ukuba owasemzini ophakathi kwenu ufuna ukuba nenxaxheba kulo mbhiyozo wePasika, uvumelekile, kodwa yonke into makayenze ngokwemimiselo nemigaqo. Wonke umntu wohamba kwangalo mthetho, noba ngumngeneleli okanye ngowothuthu.”
Ilifu phezu kwesibingelelo
(Mfud 40:34-38)
15-16Ke kaloku kwathi mhla yagxunyekwa yemiswa intente *yesibingelelo enobungqina bomnqophiso lasuka lakhakhaba layambathisa ilifu. Ngokuhlwa kude kube kusasa ke eli lifu lalisuka libe ngumlilo odangazelayo. 17AmaSirayeli ayesithi lakuzisonga liphakame ilifu elo, afuduke, aze aye kumisa apho lihle lafukama khona. 18AmaSirayeli la ayefuduka ngomyalelo *kaNdikhoyo, kanti ke nokumisa kwawo kwakukwaxhomekeke kuwo. Xa lisahleli lifukamile apho esibingelelweni ilifu elo, amaSirayeli ayehlala alinde. 19Naxa lihleli ithuba elide apho esibingelelweni lingemki, amaSirayeli ayethobela uNdikhoyo ahlale. 20Maxa wambi ke eli lifu lalihlala nje ithuba leentsukwana, libuye liphakame; kambe ke nakuyiphi na imeko wona amaSirayeli ayehamba okanye ahlale ngokwelizwi likaNdikhoyo. 21Kanti kwakusenzeka nokuba lifike lifukame ngorhatya, lize ngentsasa elandelayo licombuluke. Phofu ke wona amaSirayeli ayengadubeki koko; ayelilandela nanini na licombuluka, nokuba kusemini okanye kusebusuku. 22Ewe, nokuba lihleli iintsuku ezimbini, inyanga, nonyaka, kanti naxa lihleli ngaphezu kwelo thuba, oko nje lifukamile apho esibingelelweni, ayelilinda, aze ahambe lakucombuluka. 23Ngokupheleleyo ke ukunduluka nokumisa kwamaSirayeli kwakuxhomekeke kwisikhokelo esinikwe uMosis nguNdikhoyo.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy