YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 10

10
Amaxilongo enziwe ngesiliva
1*UNdikhoyo wabiza uMosis, wathi: 2“Thatha isiliva, uyibumbe wenze amaxilongo amabini, khon' ukuze uwavuthele xa ubiza ibandla lamaSirayeli, naxa kufuneka kundulukwe. 3Xa evuthelwe omabini enza umtyangampo, ibandla lonke likaSirayeli liya kuqokelelana phambi kwakho esangweni *lesibingelelo. 4Ukanti ke xa kutso lalinye kuphela, koza kuwe iinkokheli zezindlu zodwa. 5Xa ufuna kunduluke izindlu ezikwicala lasempuma, uze ulivuthele litsho ngezinqam. 6Xa uziphinda ezo zinqam zexilongo, kuya kunduluka izindlu ezikwicala langezantsi. Ngoko ke xa ixilongo lisitsho ngeziqwenga zezinqam, loba lisithi makundulukwe. 7Kodwa ke xa kufuneka uSirayeli ephela ahlangane, ixilongo liya kutsho ngomtyangampo.
8“Amaxilongo lawo ke makavuthelwe ngoonyana baka-Aron ababingeleli. Lo ke ngummiselo kuwe nezizukulwana ezizayo.
9“Xa kuthe kwafuneka ukuba nihlasele isizwe esinitshutshisayo kwelakowenu, vakalisani ngexilongo ukuba ilizwe lifile. Ke mna Ndikhoyo, Thixo wenu, ndoba ngakuni, ndinihlangule kwezo ntshaba. 10Kanti ke nangamathuba emibhiyozo – ukuthwasa kwenyanga nangamaxesha amatheko – hlokomisani amaxilongo xa nisenza amadini atshiswayo nawobudlelwana; aya kundikhumbuza ngani; kaloku ndinguNdikhoyo, uThixo wenu.”
Ukunduluka eSinayi
11Ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yesibini yonyaka wesibini amaSirayeli andulukayo eJiputa, ilifu *elalisesibingelelweni lacombuluka laphakama. 12AmaSirayeli ke afuduka ev' endleleni, ayishiya intlango yeSinayi. Ke kaloku ilifu elo lahamba laza lafika lafukama kwintlango yeParan.
13Aqala ke ngoku amaSirayeli ahamba ngamabanga ngokweziyalo *zikaNdikhoyo kuMosis. 14Maxa onke amabutho awo ayehlala ebambe ucwangco, etsho ngomngcelele. Abokuqala yaba ngabaphantsi kwembasa yendlu kaJuda, bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguNashon unyana ka-Aminadabhi. 15Ke yena uNataniyeli, unyana kaZuware, wayekhokele indlu kaIsakare; 16waza yena uEliyabhi, unyana kaHelon, wakhokela indlu kaZebhulon.
17Yathi ke yakuncothulwa intente yesibingelelo yathathwa ngabaLevi bakwaGershon nakwaMerari, banduluka.
18Kwaza ke kwanduluka abembasa yendlu kaRubhen bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguElizure, unyana kaShedeyure. 19Abendlu kaSimon bona bakhokelwa nguShelumiyeli, unyana kaZurishadayi; 20baza abendlu kaGadi bakhokelwa nguEliyasafu, unyana kaDuweli.
21Ke bona abaLevi bakwaKohati balandela bephethe ezingcwele zesibingelelo. Bathi befika apho kwakumiswe khona, saba isibingelelo sesimisiwe kwakhona.
22Nabo abaphantsi kwembasa yendlu kaEfrayim banduluka, amabutho ngamabutho, bebhexeshwa nguElishama, unyana ka-Amihudi. 23Kanti ke bona abendlu kaManase babephantsi kukaGamaliyeli, unyana kaPedazure; 24baza abendlu kaBhenjamin bakhokelwa nguAbhidan, unyana kaGidiyoni.
25Emva ke kwakungcambaza abo baphantsi kwembasa yendlu kaDan, bengamabutho ngamabutho, bebhexeshwa nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi. 26Bona abendlu ka-Ashere babekhokelwa nguPagiyeli, unyana kaOkran; 27waza yena uAhira, unyana kaEnan, wakhokela indlu kaNafetali.
28Nantso ke indlela owawusima ngayo umngcelele wamaSirayeli eluhambeni lwawo. 29Ke kaloku uMosis wathetha noHobhabhi usibali wakhe ongunyana kaJetro waseMidiyan, wathi: “Ke ngoku, sibali, sekumbovu ukuba sinduluke sijonge ukuya kungena kwelo lizwe uNdikhoyo wathembisa ukusinika lona. Wasithembisa ukuba uSirayeli uya kuhluma. Ngoko ke hamba nathi, ukuze siyixhamle kunye loo nyhweba yenkqubela.”
30UHobhabhi walandula wathi: “Hayi, andinako, sibali. Ndifuna ukuphindela kwelakowethu.”
31UMosis wambongoza wathi: “Hayi kaloku, ungathini ukusishiya, inguwe nje oyaziyo le ntlango. Wena unako ukusikhokela, usibonise apho sifanele ukumisa khona. 32Xa unokuhamba nathi siya kuyixhamla kunye inyhweba yentlala-kahle asibabala ngayo uNdikhoyo.”
33Ukuyishiya kwawo amaSirayeli loo ntaba ingcwele, iSinayi, ahamba iintsuku ezintathu. Ke yona ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo yayisoloko ihamba phambili, ibakhangelela indawo yokuphumla. 34Nanini na benduluka ilifu likaNdikhoyo lalijinga phezu kwabo.
35Xa iphumayo ityesi yomnqophiso uMosis wayedanduluka athi:
“Hoyina, Ndikhoyo,
vuka wenz' iziqwenga,
uzichitha-chithe iintshaba zakho,
ubaswantsulise abakuthiyileyo!”
36Apho iphumla khona ke uMosis wayesithi:
“Khawubuye, Ndikhoyo,
ufukame phakathi kwamawaka-waka akwaSirayeli!”

Currently Selected:

EYASENTLANGO 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy